UHEZEKILE 17
17
Umzekeliso wamaxhalanga amabini nomdiliya, nentsingiselo yawo
1Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 2Nyana womntu, jika iqhina, uzekelise ngomzekeliso kwindlu kaSirayeli, uthi, 3Itsho iNkosi uYehova ukuthi: Ixhalanga elikhulu, elimaphiko makhulu, elintsiba zolukileyo, eliboya buqhamileyo, buchokochoko, leza eLebhanon, lathabatha amantloko omsedare.• 4Laqhawula eliphezulu emahlamvini awo, lalisa ezweni lakwaKanan, lalimisa emzini wabarhwebi. 5Lacaphula embewini yelo zwe, layifaka entsimini ehlwayelwayo, layithabatha layisa kumanzi amaninzi, layimisa ngokomngculuba. 6Yahluma, yaba ngumdiliya onabileyo, omfuphi, ukuze amasebe awo asinge kulo, neengcambu zawo zibe phantsi kwalo; waba ngumdiliya ke, wenza amasebe, waqhama amagqabi.
7Kwabakho elinye ixhalanga elikhulu, elimaphiko makhulu, linoboya obuninzi. Nango lo mdiliya unabela ngakulo ngeengcambu zawo, ugobela ngakulo amasebe awo, ukuba liwanyele ezindimeni otyelwe kuzo. 8Ubutyelwe entsimini elungileyo wona, ngasemanzini amaninzi, ukuze wenze amasebe, uxakathe iziqhamo, ukuba ube ngumdiliya onguwona unguwo.
9Yithi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Wómila na? Elaa xhalanga aliyi kuzinyothula na iingcambu zawo, lizinqumle iziqhamo zawo, ubune, athi onke amagqabi amatsha okuhluma kwawo abune, kungabi nangangalo inkulu nangabantu baninzi, ukuwususa ezingcanjini zawo? 10Yabona, khona utyelwe, wómila na? Awuyi kubuna ubune na, wakufikelwa lulophu lwasempumalanga? Úya kubunela ezindimeni ohlume kuzo.
11Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 12Khawuthi kwindlu eneenkani, Anikwazi na ukuba kuyintoni na oko? Yithi, Yabonani, ukumkani waseBhabheli weza eYerusalem, wamthabatha ukumkani wayo nabathetheli bayo, wabása kuye eBhabheli. 13Wathabatha owasembeweni yokumkani, wanqophisana naye, wamfungisa; wathabatha iinjengele zelizwe elo; 14ukuze bube bubukumkani obuphantsi, ukuze bungàziphakamisi, ukuze awugcine umnqophiso wakhe, ukuze ume wona. 15Wasuka ke wagwillika kuye ngokuthuma abathunywa bakhe eYiputa, ukuze anikwe amahashe nabantu abaninzi. Wóba nempumelelo na? Wósinda na owenze loo nto? Wówaphula umnqophiso, asinde na ke?
16Ndihleli nje, itsho iNkosi uYehova, inyaniso, endaweni yokumkani owamenza ukumkani, osifungo asidelileyo, omnqophiso awaphuleyo, úya kufela kuyo, esazulwini seBhabheli. 17UFaro akayi kumnceda ngampi inkulu nangasikhungu sikhulu emfazweni, kwakùfunjwa udonga lokungqinga, kwakhiwe inqaba zokubonisela; ukuze inqunyulwe imiphefumlo emininzi. 18Ekubeni esidelile isifungo, ukuba awaphule umnqophiso, yabona, uniké isandla sakhe, waza noko wenza zonke ezi zinto; akayi kusinda.
19Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndihleli nje, inyaniso, isifungo sam asidelileyo, nomnqophiso wam awaphuleyo, ndiya kumnika entlokweni yakhe. 20Ndowutwabulula phezu kwakhe umnatha wam, abanjiswe ngumgibe wam, ndimse eBhabheli, ndimangalelane naye khona ngenxa yomenezo lwakhe, andimenezele ngalo. 21Baya kuwa likrele bonke abasabileyo bakhe emahlelweni akhe onke, namasalela athiwe saa qhu kwimimoya yonke; nàzi ukuba mna Yehova ndithethile.
22Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Mna ndiya kuthabatha ke ihlamvu emantloko omsedare omde, ndilimise; emahlamvini awo aphezulu ndiya kuqhawula elithambileyo, ndilityale mna entabeni ephakamileyo, ende. 23Ndiya kulityala ke entabeni ende yakwaSirayeli, linyuse amasebe, lixakathe iziqhamo, libe ngumsedare ongowona unguwo, zihlale phantsi kwawo zonke iintaka zeentlobo ngeentlobo; ziya kuhlala emthunzini wamasebe awo. 24Iya kwazi yonke imithi yasendle, ukuba mna Yehova ndiwuthobile umthi ophakamileyo, ndiwuphakamisile umthi omfuphi; ndiwomisile umthi omanzi, ndiwuqhamisile umthi owomileyo. Mna Yehova ndithethile, ndenza.
Currently Selected:
UHEZEKILE 17: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.