UHEZEKILE 13
13
Ukuchaswa kwabaprofeti ababuxobi
1Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 2Nyana womntu, profeta uchase abaprofeti bakwaSirayeli abaprofetayo, uthi kwabaprofeta okwentliziyo yabo, Liveni ilizwi likaYehova. 3Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha ke, abaprofeti abanobudenge, abalandela owabo umoya, nento abangayibonanga! 4Baba njengeempungutye emanxuweni abaprofeti bakho, Sirayeli. 5Aninyukanga niye emathutyeni, niyibìyele ngodonga indlu kaSirayeli, ukuze nakhe uluhlu lokulwa ngomhla kaYehova. 6Babona into ekhohlakeleyo nokuvumisa okungamanga, abo bathi, Útsho uYehova; uYehova engabathumanga, ukanti balinda ukuqiniswa kwelo lizwi. 7Anibonanga mbono wankohlakalo na, nakuvumisa okungamanga na, nisithi nje, Utsho uYehova; ndíngathethanga mna?
8Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenxa yokuba nithethe into ekhohlakeleyo, nibona amanga, ngako oko, yabonani, ndinichasile; itsho iNkosi uYehova. 9Isandla sam sichasa abaprofeti ababona into ekhohlakeleyo, bavumise amanga. Àbayi kubakho ekucweyweni kwabantu bam, bangàbhalwa encwadini yomlibo wendlu kaSirayeli, bangàngeni emhlabeni wakwaSirayeli; názi ukuba ndiyiNkosi uYehova.
10Ngenxa yokuba, ewe, ngenxa yokuba bebandwendwisile abantu bam, besithi, Luxolo, kungekho luxolo; bathi, bakwakha udonga bona, yabona, abayá balutyabeka ngodaka oluhlephukayo: 11yithi kwabatyabeka ngodaka oluhlephukayo, Luya kuwa; kuza isiphango esikhukulayo; nina ke, matye esichotho, yiwani; wena moya usisaqhwithi, ovuthuvuthuzayo, qhutha. 12Xa ke luthe lwawa udonga, akuyi kuthiwa na kuni, Kuphi na ukutyabeka enatyabeka ngako?
13Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ndiya kuqhuthisa umoya ovuthuvuthuzayo ngobushushu bam; kúze nesiphango esikhukulayo ngomsindo wam, namatye ezichotho ngobushushu, ukuze kugqityelwe kuphele. 14Ndiya kulugungxula udonga enalutyabeka ngodaka oluhlephukayo, ndiluwise emhlabeni, sityhilekile isiseko salo, luwe, niphelele kweso sithuba salo; názi ukuba ndinguYehova. 15Ndobuphelelisela eludongeni ubushushu bam, nakwabatyabeka ngodaka oluhlephukayo, ndithi kuni, Alusekho udonga, abasekho abatyabeki balo, 16abaprofeti bakwaSirayeli ababeprofeta ngeYerusalem, ababebona umbono woxolo, kungekho luxolo; itsho iNkosi uYehova.
Ukuchaswa kwabaprofetikazi ababuxoki
17Wena ke, nyana womntu, bhekisa ubuso bakho kwiintombi zabantu bakowenu, eziprofeta okweentliziyo zazo. 18Uze uprofete ngazo, uthi, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yeha ke, abo bathunga izibophelelo ezihlahleni zezandla zonke, benze izigubungelo ezilingene iintloko zonke, ukuze bathiyele imiphefumlo! Nithiyéle imiphefumlo yabantu bam, nasindisa eyenu imiphefumlo. 19Nindihlámbele kubantu bam ngenxa yerhasi esutywe ngezandla, nangenxa yamaqhekeza esonka, ukuze nibulale imiphefumlo ebingeyakufa, nisindise imiphefumlo ebingeyakusindiswa, ngamanga enu ebantwini bam ábava amanga. 20Ngako oko itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yabonani, ndizichasile izibophelelo zenu, enithiyela ngazo imiphefumlo njengeentaka. Ndiya kuziqhawula ezingalweni zenu, ndiyindulule imiphefumlo, kwaimiphefumlo eniyithiyeleyo njengeentaka. 21Ndozikrazula izigubungelo zenu, ndibahlangule abantu bam esandleni senu, bangabi saba yinto ethiyelwayo esandleni senu; názi ukuba ndinguYehova. 22Ngenxa enokuba niyenzé buhlungu ngobuxoki intliziyo yelungisa, endingalenzanga buhlungu mna; nazomeleza izandla zongendawo, ukuze angabuyi endleleni yakhe embi, asindiswe: 23ngako oko aniyi kuyibona into ekhohlakeleyo ningabi savumisa nokuvumisa; ngokuba ndiya kubahlangula abantu bam esandleni senu; názi ukuba ndinguYehova.
Currently Selected:
UHEZEKILE 13: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.