IEKSODUS 30
30
Isibingelelo sesiqhumiso nesitya sokuhlambela sobhedu
1Uze wenze isibingelelo sokuqhumisela ngesiqhumiso, usenze ngomngampunzi. 2Ubude baso boba yikubhite,• ububanzi baso bube yikubhite, sibe mbombo-né; ukuphakama kwaso kube ziikubhite ezimbini, ziphume kuso iimpondo zaso. 3Umphezulu waso wowàleka ngegolide ecocekileyo, namacala aso ngeenxa zonke, neempondo zaso; usithi jize ngesithsaba segolide. 4Uze usenzele amakhonkco abe mabini ngegolide phantsi kwesithsaba saso, ezimbombeni zaso ezimbini, emacaleni aso omabini, abe ziindawo zezibonda, sithwalwe ngazo; 5uzenze izibonda ngomngampunzi, uzàleke ngegolide.
6Uze usibeke nganeno komkhusane ongasetyeyeni yesingqino, phambi kwesihlalo sokucamagusha esiphezu kwesingqino, apho ndiya kuhlangana nawe khona. 7Wóqhumisela kuso uAron ngesiqhumiso esimnandi, imiso ngemiso. Wóqhumisela ngaso ekulungiseni kwakhe izibane; 8ekuzimiseni uAron izibane, lakutshona ilanga, ahlale eqhumisela ngesiqhumiso phambi koYehova, kwizizukulwana zenu.
9Kuso nize ninganyusi siqhumiso esingesesikweni, nadini linyukayo, namnikelo wakudla; namnikelo uthululwayo ningawuthululeli kuso. 10UAron makacamagushele iimpondo zaso kube kanye ngomnyaka; ngegazi ledini lesono lokucamagusha, kube kanye ngomnyaka; asicamagushele kuse kwizizikulwana zenu: siyingcwele kangcwele kuYehova.
11Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 12Xa ulithabathayo inani loonyana bakaSirayeli, ngokubalelwa kwabo encwadini yomlibo wokuzalwa, mabanikele elowo imali yokucamagushela umphefumlo wakhe kuYehova ekubabaleni; ukuze kungabikho sibetho kubo ekubabaleni. 13Nantsi loo nto: bonke abagqithela kwababaliweyo mabanike isiqingatha seshekele ngokweshekele yengcwele (ishekele leyo iziigera• ezimashumi mabini); isiqingatha seshekele leyo yoba ngumrhumo kuYehova. 14Bonke abagqithela kwababaliweyo, bethabathela kominyaka imashumi mabini ezelwe, benyusa, mabamnike uYehova umrhumo. 15Isityebi asiyi kugqithisa, nosweleyo akayi kubetha nganeno kwesiqingatha seshekele, ukumnika umrhumo uYehova, ukucamagushela imiphefumlo yenu. 16Uze uyithabathe imali yokucamagusha koonyana bakaSirayeli, uyinikele enkonzweni yentente yokuhlangana; ukuze ibe sisikhumbuzo koonyana bakaSirayeli, phambi koYehova, ukucamagushela imiphefumlo yenu.
17Wathetha uYehova kuMoses esithi, 18Yenza uhehema lwesitya sokuhlambela ngobhedu, noseko lwalo ngobhedu, kuhlanjelwe kulo; ulubeke phakathi kwentente yokuhlangana nesibingelelo, ugalele amanzi kulo; 19bahlambele kulo uAron noonyana bakhe izandla zabo neenyawo zabo. 20Ekungeneni kwabo ententeni yokuhlangana bohlamba ngamanzi, bangafi; nasekusondeleni kwabo esibingelelweni, besiza kulungiselela nokuqhumisela ngokudla kwasemlilweni kuYehova; 21bohlamba ke izandla zabo neenyawo zabo, ukuze bangafi; ibe ngummiselo ongunaphakade kubo, kuye lo, nakwimbewu yakhe kwizizukulwana zabo.
22Wathetha uYehova kuMoses esithi, 23Thabathela kuwe ubulawu bohlobo: imore,• ezivuzelayo ngokwayo, engamakhulu amahlanu eeshekele;• isinamon• enobulawu ibe sisiqingatha soko, amakhulu abe mabini anamanci mahlanu; nekalamo• evumba limnandi, amakhulu abe mabini anamanci mahlanu; nekasiya,• 24amakhula abe mahlanu ngokweshekele yengcwele; neoli yeminquma ibe yihin;• 25uyenze ibe yioli engcwele yokuthambisa, isiqholo sokuqhola, umsebenzi womqholi, ibe yioli engcwele yokuthambisa. 26Uze uthambise ngayo intente yokuhlangana, netyeya yesingqino, 27netafile nempahla yayo yonke, nesiphatho sezibane nempahla yaso, nesibingelelo sokuqhumisela, 28nesibingelelo sedini elinyukayo neempahla zaso zonke, nohehema lwesitya sokuhlambela, noseko lwalo; 29uzingcwalise zibe yingcwele kangcwele. Zonke izinto ezizichukumisayo zoba ngcwele.
30UAron noonyana bakhe uze ubathambise, ubangcwalise, babe ngababingeleli kum. 31Wothetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Yoba yioli engcwele yokuthambisa kum le, kwizizukulwana zenu. 32Ize ingàgalelwa nyameni yamntu; uze ungenzi enjengayo ngomlinganiso wayo; ingcwele yona, mayibe ngcwele kuni. 33Umntu osukuba eqhola enjengayo, nosukuba ethabatha kuyo ayinike ongengowakuni, wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.
34Wathi uYehova kuMoses, Zithabathele ubulawu, istorakis,• neonike,• negalebhana;• ubulawu obo bube nentlaka emhlophe engangxengelelweyo, ibe yimilinganiso elinganayo; 35wenze ngabo isiqhumiso esiqholiweyo, umsebenzi womqholi, sigalelwe ityuwa, sihlambulukile, singcwele. 36Woyisila inxenye yazo icoleke, ucaphule, ubeke phambi kwesingqino ententeni yokuhlangana, apho ndiya kuhlangana nawe khona; yoba yingcwele kangcwele kuni. 37Isiqhumiso eso, oya kusenza ngokomlinganiso waso, ize ningazenzeli okwenu; kuwe soba yingcwele kuYehova. 38Umntu osukuba enze esinjengaso, ukuba asijoje, wonqanyulwa, angabikho ebantwini bakowabo.
Currently Selected:
IEKSODUS 30: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.