IEKSODUS 18

18
UYitro uhambela kuMoses; uyamcebisa
1UYitro, umbingeleli wakwaMidiyan, uyise womkaMoses, wayiva yonke into uThixo abeyenzele uMoses, namaSirayeli abantu bakhe, ukuba uYehova uwakhuphile amaSirayeli eYiputa. 2UYitro, uyise womkaMoses, wamthabatha uTsipora, umkaMoses, emveni kokuba ebemndulule, 3noonyana bakhe bobabini; igama lomnye lalinguGershom,• kuba wathi, Bendingumphambukeli ezweni lolunye uhlanga; 4igama lomnye lalinguEliyezere,• kuba wathi, UThixo kabawo ubengumncedi wam, wandihlangula ekreleni likaFaro. 5UYitro, uyise womkaMoses, weza ke noonyana bakhe nomkakhe, kuMoses entlango, apho wayemise khona intente, entabeni kaThixo. 6Wathi kuMoses, Mna Yitro, únguyihlo, ndizé kuwe, ndinomkakho enoonyana bakhe bobabini.
7Waphuma uMoses, waya kumkhawulela uyise womkakhe, waqubuda, wamanga; babuzana impilo, bangena ententeni. 8UMoses wambalisela uyise womkakhe yonke into uYehova abeyenzile kuFaro nakumaYiputa ngenxa kaSirayeli; nenkxamleko yonke abayifumanáyo endleleni, nokuhlangulwa kwabo nguYehova.
9Wavuya uYitro akukuva konke ukulunga abekwenzile uYehova kuSirayeli, ngokumhlangula esandleni samaYiputa. 10Wathi uYitro, Makabongwe uYehova owanihlangulayo esandleni samaYiputa, nasesandleni sikaFaro; owabahlangulayo abantu, baphuma phantsi kwesandla samaYiputa. 11Ngoku ndiyazi ukuba uYehova mkhulu koothixo bonke; ewe, kwakuloo nto amaYiputa abewakhukhumalele ngayo amaSirayeli. 12UYitro, uyise womkaMoses, wamthabathela uThixo idini elinyukayo nemibingelelo; weza uAron namadoda amakhulu onke akwaSirayeli, esiza kudla isonka noyise womkaMoses phambi koThixo.
13Kwathi ngengomso, uMoses wahlala wathetha amatyala abantu; abantu baxhontela kuMoses, kususela kusasa kwada kwangokuhlwa. 14Wayibona uyise womkaMoses yonke into abeyenza ebantwini, wathi, Iyintoni na le nto uyenzayo ebantwini? Kungani na, le nto uhlala wedwa, bathi bona bonke abantu baxhontele kuwe, kususela kusasa kude kuhlwe? 15Wathi uMoses kuyise womkakhe, Kungokuba abantu besiza kum ukuba ndibacelele icebo kuThixo; 16xa banendawo, beza kum ukuba ndigwebe phakathi komntu nommelwane wakhe, ndibazíse imimiselo kaThixo nemiyalelo yakhe.
17Wathi uyise womkaMoses kuye, Ayilungile le nto uyenzayo. 18Uya kuzigqiba uphele amandla, naba bantu unabo; kuba lo msebenzi unzima kuwe, akunakuwenza wedwa. 19Phulaphula ngoko izwi lam, ndikuphe iqhinga; uThixo woba nawe. Wena yiba ngumlomo wabantu kuThixo, uzise izinto zabo kuThixo; 20ubafundise imimiselo nemiyalelo, ubazise indlela abaya kuhamba ngayo, nomsebenzi abaya kuwenza. 21Uze uzikhangelele ebantwini bonke amadoda anobunkunkqele ekuthetheni amatyala, amoyikayo uThixo, amadoda anyanisileyo, ayithiyileyo inzuzo embi, uwamise phezu kwabo, abe ngabathetheli-waka, nabathethelikhulu, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, nabathetheli bamashumi ngamanye; 22bathethe amatyala abantu ngamaxesha onke; zithi izinto zonke ezinkulu bazizise kuwe; zonke ezincinane bazigwebe bona, ukuze kube lula kuwe, bakuthwalise. 23Ukuba ùthe wayenza loo nto, waza wakuwisela umthetho uThixo, wòba nako ukuma, bathi naba bantu bonke bafike endaweni yabo benoxolo.
24UMoses waliphulaphula izwi loyise womkakhe, wayenza into yonke abeyithethile. 25UMoses wanyula amadoda anobunkunkqele ekuthetheni amatyala kuwo onke amaSirayeli, wawenza iintloko phezu kwabantu, aba ngabathetheliwaka, nabathetheli-khulu, nabathetheli bamashumi ngamahlanu, nabathetheli bamashumi ngamanye. 26Bathetha amatyala abantu ngamaxesha onke; izinto ezinqabileyo bazizisa kuMoses, zonke ezincinane bazigweba bona. 27UMoses wamndulula uyise womkakhe, waya elizweni lakowabo.

Currently Selected:

IEKSODUS 18: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena