KWABASE-EFESE 2:14-18

KWABASE-EFESE 2:14-18 XHO75

Kuba nguye oluxolo lwethu, yena uthe izinto zombini wazenza zaba nye, waluchitha ke udonga lothango oluphakathi, ubumpi ke obo, akuba ewubhangisile, esenyameni yakhe, umyalelo wemithetho esemimiselweni; ukuze abo babini ábadalele kuye ngokwakhe, babe mntu mnye, mtsha, esenza ke uxolo; nokuze abaxolelanise noThixo abo babini, babe mzimba mnye ngawo umnqamlezo, ebubulalele kuwo ubumpi obo. Weza ke washumayela iindaba ezilungileyo zoxolo kuni abo bakude, nakwabakufuphi; ngokuba kungaye ukungeniswa kwethu sobabini, siMoya mnye kuye uYise.