IDUTERONOMI 5
5
1Wawabiza uMoses amaSirayeli onke, wathi kuwo, Yivani, maSirayeli, imimiselo namasiko endiwathethayo ezindlebeni zenu namhla, ukuze niwafunde, nigcine ukuwenza.
2UYehova uThixo wethu wenza umnqophiso nathi eHorebhe. 3UYehova akawenzanga noobawo bethu lo mnqophiso; wawenza nathi aba sikhoyo sonke siphela, siphilile namhlanje. 4UYehova wathetha kuni, ekhangelene nani entabeni phakathi komlilo. 5Ndema phakathi koYehova nani ngelo xesha, ukuze ndinixelele ilizwi likaYehova; ngokuba nibe nisoyika umlilo, ànanyuka niye entabeni. Wathi:
6NdinguYehova uThixo wakho, owakukhuphayo ezweni laseYiputa, endlwini yobukhoboka.
7Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam.
8Uze ungazenzeli umfanekiso oqingqiweyo, nokuba ngowayiphi na into emilise esezulwini phezulu, nesemhlabeni phantsi, nesemanzini aphantsi komhlaba. 9Uze ungazinquli ezo nto, uze ungazikhonzi; kuba mna Yehova, Thixo wakho, ndinguThixo onekhwele, ndibuvelela ubugwenxa booyise koonyana nakwesesithathu nakwesesiné isizukulwana sabandithiyileyo; 10ndiwénzela inceba amawaka abandithandayo, abayigcinayo imithetho yam.
11Uze ungafumane ulibize igama likaYehova uThixo wakho, kuba uYehova akayi kumenza omsulwa, ofumana alibize igama lakhe.
12Gcina umhla wesabatha, ukubu uwungcwalise, njengoko wakuwisela umthetho uYehova uThixo wakho. 13Wòsebenza imihla emithandathu, uwenze wonke umsebenzi wakho; 14ke wona umhla wesixhenxe úyisabatha kaYehova uThixo wakho. Uze ungenzi namnye umsebenzi, wena, nonyana wakho, nentombi yakho, nesicaka sakho, nesicakakazi sakho, nenkomo yakho, ne-esile lakho, neento zakho zonke ezizitho ziné, nowasemzini osemasangweni akho, ukuze siphumle isicaka sakho nesicakakazi sakho, njengawe; 15ukhumbule ukuba ube ulikhoboka ezweni laseYiputa, wakukhupha khona uYehova uThixo wakho ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo; ngenxa yoko úkuwisele umthetho uYehova uThixo wakho, ukuba uwugcine umhla wesabatha.
16Beka uyihlo nonyoko, njengoko akuwisele umthetho uYehova uThixo wakho, ukuze yolulwe imihla yakho, nokuze kulúnge kuwe emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho.
17Uze ungabulali.
18Uze ungakrexezi.
19Uze ungebi.
20Uze ungangqini ubungqina obubuxoki ngommelwane wakho.
21Uze unganqweneli umfazi wommelwane wakho; uze unganqweneli indlu yommelwane wakho, nentsimi yakhe, nesicaka sakhe, nesicakakazi sakhe, nenkomo yakhe, ne-esile lakhe, nanye into eyeyommelwane wakho.
22Loo mazwi wawathetha uYehova ebandleni lenu lonke entabeni leyo, phakathi komlilo, efini nasesithokothokweni, ngezwi elikhulu, àkongeza; wawabhala emacwecweni amatye amabini, wawanika mna. 23Kwathi, nakuliva ilizwi phakathi kobumnyama, intaba isitsha ngumlilo, nasondela kum, zonke iintloko zezizwe zakowenu, namadoda amakhulu akowenu; 24nathi, Yabona, uYehova uThixo wethu usibonisile ubuqaqawuli bakhe nobukhulu bakhe, nelizwi lakhe silivile phakathi komlilo. Namhla sibonile ukuba uYehova uyathetha nomntu, aphile noko. 25Ngoko yini na ukuba sife? Ngokuba lo mlilo mkulu uya kusidla; ukuba sithe saphinda saliva ilizwi likaYehova uThixo wethu, sofa. 26Kuba ngubani na enyameni yonke, owakha waliva ilizwi likaThixo ohleliyo, ethetha phakathi komlilo, njengathi, waphila noko? 27Sondela wena, uve konke okuthethwa nguYehova uThixo wethu, ukuthethe wena kuthi; konke aya kukuthetha uYehova uThixo wethu kuwe, sokuva sikwenze.
28Waliva ke uYehova izwi lokuthetha kwenu ekuthetheni kwenu kum; wathi uYehova kum, Ndilivile izwi lokuthetha kwaba bantu abakuthethileyo kuwe; bakulungisile konke abakuthethileyo. 29Akwaba bebenale ntliziyo yokundoyika, nokuyigcina imithetho yam yonke, imihla yonke, ukuze kulúnge kubo noonyana babo ngonaphakade! 30Yiya, uthi kubo, Buyelani ezintenteni zenu. 31Ke wena, yima apha ngakum, ndiyithethe kuwe yonke imithetho nemimiselo namasiko, owobafundisa wona, bawenze ezweni elo ndibanika lona, ukuba balimé.
32Nize nizigcine ukuba nenze njengoko uYehova uThixo wenu waniwisela umthetho, ningatyekeli ekunene nasekhohlo. 33Hambani ngeendlela zonke awaniwisela umthetho ngazo uYehova uThixo wenu, ukuze niphile; kulúnge kuni, niyolule imihla ezweni elo niya kulima.
Currently Selected:
IDUTERONOMI 5: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.