IDUTERONOMI 25

25
Imithetho ngemithetho
1Xa kuthe kwabambana amadoda, kweziwa ematyaleni ukuba lithethwe ityala lawo, ize igwetyelwe elilungisa, igwetywe engendawo; 2kothi ke, ukuba ithe engendawo yafanelwa kukubethwa umgwebi ayilalise phantsi, ibethwe phambi kwakhe, ngokulingene nokungabi ndawo kwayo, ngokwenani. 3Yobethwa imivumbo emashumi mané, kungòngezwa; hleze kwakongezwa yabethwa imivumbo emininzi ngaphezu kwaleyo, acukucezeke umzalwana wakho emehlweni akho.
4Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula.
5Xa bathe bahlala ndawonye abantu bezalana, wafa omnye kubo engenanyana, umfazi wofileyo makangendeli kwindoda yasemzini, yangaphandle; ozalana nendoda yakhe maze amngene, amzeke, abe ngumkakhe, enze kuye okozalana nendoda yakhe. 6Wóthi ke owamazibulo, athe wamzala, eme egameni lomfi lowo, lingàcinywa igama lakhe kwaSirayeli.
7Ke ukuba indoda leyo ithe àyakunanza ukumzeka umkamfi lowo, wonyuka umkamfi lowo, aye esangweni kumadoda amakhulu, athi, Laa mntu uzalana nendoda yam akavumi ukumvelisela umntakayise igama kwaSirayeli, akavumi ukwenza kum okozalana nendoda. 8Oyibiza ke amadoda amakhulu omzi wayo, athethe kuyo; ime, ithi, Andikunanzile ukumzeka; 9afike kuyo umkamfi lowo phambi kwamadoda amakhulu, ayikhulule imbadada elunyaweni lwayo, ayitshicele ebusweni, aphendule athi, Makwenjiwe nje kwindoda engayi kuyakha indlu yomntu ozalana nayo. 10Kothiwa ke igama layo kwaSirayeli nguNdlw'-ikhululwe-imbadada.
11Xa kuthe kwantlalana amadoda amabini, umntu nomzalwana wakhe, wasondela umfazi wenye, ukuba ahlangule indoda yakhe esandleni seyibethayo, wolula isandla sakhe, wayibamba ngamaphambili, 12wòsinqumla isandla sakhe, lingabi nanceba iliso lakho.
13Uze ungabi namatye ngamatye okulinganisa engxoweni yakho, amakhulu namancinane. 14Uze ungabi nee-efa• ngee-efa endlwini yakho, enkulu nencinane; 15uze ube nelitye elizalisekileyo, elilelobulungisa; uze ube ne-efa ezalisekileyo, eyiyeyobulungisa, ukuze yolulwe imihla yakho emhlabeni lowo akunikayo uYehova uThixo wakho. 16Ngokuba bangamasikizi kuYehova uThixo wakho bonke abenza loo nto, bonke abenza ubumenemene.
17Khumbula loo nto wayenzayo uAmaleki kuwe endleleni, ekuphumeni kwenu eYiputa; 18owakuhlangabezayo ngendlela, wabetha kuwo umqosheliso wakho, bonke abaphelelweyo abasemva kuwe, útyhafile, údiniwe; akamoyika uThixo. 19Kothi, ekukuphumzeni kukaYehova uThixo wakho ezintshabeni zakho zonke ngeenxa zonke, ezweni elo akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa ulimé, usicime isikhumbuzo sika-Amaleki phantsi kwezulu; uze ungalibali.

Currently Selected:

IDUTERONOMI 25: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena