IDUTERONOMI 20

20
Imithetho yemfazwe
1Xa uthe waphuma waya kulwa neentshaba zakho, waza wabona amahashe neenqwelo zokulwa, abantu abaninzi kunawe, uze ungaboyiki; ngokuba únawe uYehova uThixo wakho, owakunyusayo ezweni laseYiputa. 2Kothi ke, xenikweni nithe nasondela ekulweni, afike umbingeleli, athethe ebantwini, athi kubo, Yiva, Sirayeli! 3Nisòndele namhla ekulweni neentshaba zenu; mayingathambi intliziyo yenu, musani ukoyika, musani ukuphakuzela, musani ukungcangcazela ebusweni bazo; 4ngokuba uYehova uThixo wenu uhamba nani, ukuba anilwele kwiintshaba zenu, anisindise.
5Ababhali bothetha ebantwini, bathi, Ngubani na umntu owakhé indlu entsha, akayisungula? Makahambe abuyele endlwini yakhe, hleze afe emfazweni, isungulwe mntu wumbi. 6Ngubani na umntu otyele isidiliya, akadla kuso? Makahambe abuyele endlwini yakhe, hleze afe emfazweni, sidliwe mntu wumbi. 7Ngubani na umntu ogane umfazi, akamzeka? Makahambe abuyele endlwini yakhe, hleze afe emfazweni, azekwe mntu wumbi.
8Boqokela ababhali bathethe ebantwini, bathi, Ngubani na umntu owoyikayo, ontliziyo ithambileyo? Makahambe abuyele endlwini yakhe, inganyibiliki intliziyo yabazalwana bakhe, njengentliziyo yakhe. 9Kothi bakugqiba ababhali ukuthetha ebantwini, bamise abathetheli bemikhosi bokukhokela abantu.
10Xa uthe wasondela emzini, usiya kulwa nawo, womemeza uxolo kuwo; 11kuthi, ukuba úthe wakuphendula ngoxolo wakuvulela, bonke abantu abafunyenwe kuwo babe ngabafakwa uviko, bakukhonze. 12Ke ukuba úthe awaxola nawe, wesuka wenza imfazwe nawe, wòwungqinga wena. 13Ukuba úthe uYehova uThixo wakho wawunikela esandleni sakho, woyibulala yonke into eyindoda kuwo ngohlangothi lwekrele; 14kodwa abafazi, nabantwana, neenkomo, neento zonke ezithe zabakho kuloo mzi, amaxhoba awo onke, wòwathimbela kuwe, uwadle amaxhoba eentshaba zakho akunikileyo uYehova uThixo wakho.
15Ùya kwenjenjalo kuyo yonke imizi ekude kakhulu kuwe, engeyiyo yona imizi yezi ntlanga. 16Kodwa emizini yezi zizwe akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba ibe lilifa, uze ungasindisi nanye into ephefumlayo. 17Wòwasingela phantsi kanye amaHeti, nama-Amori, namaKanan, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, njengoko wakuwiselayo umthetho uYehova uThixo wakho; 18ukuze banganifundisi ukwenza amasikizi abo onke abawenze koothixo babo; none kuYehova uThixo wenu.
19Xa nithe ke nenza iintsuku niwungqingile umzi, nisilwa nawo ukuba niwuhluthe, uze ungayonakalisi imithi yawo ngokuyixabela ngezembe; kuba ùya kudla kuyo. Uze ungayigawuli; kuba umthi wasendle ungumntu na, ukuba ungqingwe nguwe? 20Ngumthi owaziyo ukuba asimthi udliwayo wodwa owowonakalisa, uwugawule, wakhe izinto zokungqinga umzi olwa nawo, ude uwe.

Currently Selected:

IDUTERONOMI 20: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena