IDUTERONOMI 15
15
Umnyaka wesabatha
1Ekupheleni kweminyaka esixhenxe, uze wenze uyekelelo. 2Nali ke isiko loyekelelo: Bonke ababoleki ababoleke ngesandla sabo, mabayiyekelele into abayiboleke ummelwane wabo, bangàmmemi ummelwane wabo ongumzalwana wabo; ngokuba kumenyezwe uyekelelo lukaYehova. 3Ungámmema owolunye uhlanga; ke into eyiyeyakho ekumzalwana wakho soyiyekelela isandla sakho.
4Kodwa ke ze kungabikho hlwempu kuwe; ngokuba uYehova wokusikelela kakhulu ezweni elo, akunikayo uYehova uThixo wakho ukuba libe lilifa, ulimé; 5ukuba uthe kodwa waliphulaphula ngenyameko izwi likaYehova uThixo wakho, wagcina ukuwenza wonke lo mthetho ndikuwiselayo namhla. 6Ngokuba uYehova uThixo wakho ukusikelele, njengoko wathethayo kuwe; wòboleka iintlanga ezininzi ngezibambiso, ke wena akuyi kuboleka kuzo ngazibambiso. Wòlawula iintlanga ezininzi, ke zona aziyi kukulawula.
7Xa kuthe kwakho ihlwempu kuwe ebazalwaneni bakho, nokuba kukuliphi kumasango akho, ezweni lakho akunikayo uYehova, uThixo wakho, uze ungayenzi ingqoshomba intliziyo yakho, usivale isandla sakho kumzalwana wakho olihlwempu. 8Uze usivule kakhulu isandla sakho kuye, umboleke into elingene ukuswela kwakhe aswele ngako. 9Uze uzigcine kungabikho butshijolo entliziyweni yakho, uthi, Usondele umnyaka wesixhenxe, umnyaka woyekelelo; libe libi iliso lakho ngakumzalwana wakho olihlwempu, ungamniki nto; aze akhale ngawe kuYehova, ube nesono. 10Uze umnike, ingabi mbi intliziyo yakho ekumnikeni kwakho; ngokuba ngenxa yale ndawo wókusikelela uYehova uThixo wakho emsebenzini wakho wonke, nasezintweni zonke osa isandla sakho kuzo. 11Kuba alisayi kuza lingabikho ihlwempu phakathi kwelizwe elo; ngenxa yoko ndikuwisela umthetho, ndisithi, Sivule kakhulu isandla sakho kumzalwana wakho olusizana, olihlwempu lakho ezweni lakho.
12Xa athe wazithengisa kuwe umzalwana wakho, umHebhere nokuba ngumHebherekazi, wakukhonza iminyaka emithandathu, womndulula ngomnyaka wesixhenxe ekhululekile kuwe. 13Xa uthe wamndulula ekhululekile kuwe, uze ungamndululi elambatha. 14Wompha umphe empahleni yakho emfutshane, nasesandéni sakho, nasesixovulelweni sakho; umnike into akusikelelé ngayo uYehova uThixo wakho; 15ukhumbule ukuba ube ulikhoboka ezweni laseYiputa, wakukhulula uYehova uThixo wakho; ngenxa yoko ndikuwisela umthetho ngale nto namhla.
16Kothi, xa athe kuwe, Andimki kuwe; ngokuba ekuthanda wena nendlu yakho, ngokuba kulungile kuye ekuwe nje: 17uthabathe ke inyatyhowa, umhlabe ngayo endlebeni iye kuma elucangweni, abe sisicaka kuwe ngonaphakade. Nakwisicakakazi sakho uze wenjenjalo. 18Makunganqabi emehlweni akho ukumndulula kwakho ekhululekile kuwe; ngokuba kuwe unjengomqeshwa okuqeshwa kubini, ekukhonzé iminyaka emithandathu nje: wókusikelela uYehova uThixo wakho ezintweni zonke ozenzayo.
19Onke amazibulo athe azalwa ziinkomo zakho nayimpahla yakho emfutshane angamaduna, wowangcwalisa kuYehova uThixo wakho. Uze ungawasebenzisi amazibulo eenkomo zakho, ungawachebi amazibulo empahla yakho emfutshane. 20Wòwadlela phambi koYehova uThixo wakho iminyaka ngeminyaka, kuloo ndawo aya kuyinyula uYehova, wena nendlu yakho. 21Xa athe aba nesiphako, aziziqhwala, aziimfama, onke anesiphako esibi, uze ungawabingeleli kuYehova uThixo wakho. 22Wòwadlela emasangweni akho; oyinqambi nohlambulukileyo bofana ukuyidla into enjengebhadi nenjengexhama. 23Ligazi lawo lodwa eningayi kulidla; wòliphalazela emhlabeni njengamanzi.
Currently Selected:
IDUTERONOMI 15: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.