IDUTERONOMI 10
10
Inceba kaThixo isisizathu sokuba alulanyelwe
1Ngelo xesha wathi uYehova kum, Ziqingqele amacwecwe amatye abe mabini, njengawokuqala, unyuke uze kum entabeni, uzenzele ityeya yomthi; 2ndiwabhale emacwecweni lawo amazwi abekwawokuqala amacwecwe, lawo wawaqhekezayo; uwabeke etyeyeni. 3Ndenza ke ityeya ngomngampunzi, ndaqingqa amacwecwe amatye amabini, njengawokuqala; ndenyuka ndaya entabeni, ndinawo amacwecwe amabini esandleni sam. 4Wawabhala ke emacwecweni ngokombhalo wokuqala amazwi alishumi, abewathethile uYehova kuni entabeni, phakathi komlilo, ngomhla wesikhungu; uYehova wandinika wona. 5Ndajika ke, ndehla entabeni, ndawabeka amacwecwe etyeyeni endayenzayo. Akhona, njengoko uYehova wandiwisela umthetho ngako.
6Banduluka oonyana bakaSirayeli eBheroti-bhene-yahakan, baya eMosera. Wafa apho uAron, wangcwatyelwa khona; uElazare unyana wakhe waba ngumbingeleli esikhundleni sakhe. 7Banduluka khona, baya eGudegoda; banduluka eGudegoda, baya eYotebhata, ilizwe elinemilanjana yamanzi. 8Ngelo xesha uYehova wasahlula isizwe sakwaLevi, ukuba sithwale ityeya yomnqophiso kaYehova, nokuba sime phambi koYehova silungiselele, sisikelele egameni lakhe unanamhla. 9Ngenxa yoko uLevi akanasabelo nalifa ndawonye nabazalwana bakhe; nguYehova ilifa lakhe, njengoko wathethayo uYehova uThixo wakho kuye.
10Ndema ke mna entabeni, njengemihla yokuqala, iimini ezimashumi mané nobusuku obumashumi mané; wandiva uYehova nangeso sihlandlo; uYehova akathanda ukukonakalisa. 11Wathi uYehova kum, Suka ume, uhambe phambi kwabantu, bangene balimé ilizwe elo, ndafungayo kooyise ukuba ndobanika.
12Kaloku ke, Sirayeli, uYehova uThixo wakho ubiza ntoni na kuwe, kungekuko ukumoyika uYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe zonke, umthande, umkhonze uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho yonke, nangomphefumlo wakho wonke; 13ugcine imithetho kaYehova, nemimiselo yakhe, endikumiselayo namhla ukuba kulúnge kuwe? 14Yabona lelikaYehova uThixo wakho izulu, nezulu lamazulu, nehlabathi, neento zonke ezikhona. 15UYehova wathana nca nooyihlo bodwa, ukuba abathande; wanyula imbewu yabo emva kwabo, nina ke, ngaphezu kwezizwe zonke, njengoko kunjalo namhla.
16Yalusani ke inyama yentliziyo yenu, ningabi saba ngabantamo ilukhuni. 17Kuba uYehova uThixo wenu nguThixo woothixo yena, nguNkosi kankosi, nguThixo omkhulu, oligorha, owoyikekayo, ongakhethi buso, ongamkeli sicengo; 18ogwebela inkedama nomhlolokazi, othanda owasemzini, amnike ukudla, amnike nengubo. 19Mthandeni owasemzini; kuba nibé ningabasemzini ezweni laseYiputa.
20Uze umoyike uYehova uThixo wakho, umkhonze, unamathele kuye, ufunge igama lakhe. 21Yindumiso yakho, nguThixo wakho, okwenzele ezi zinto zinkulu zoyikekayo, azibonileyo amehlo akho. 22Behla beyimiphefumlo emashumi asixhenxe ooyihlo ukuya eYiputa; ke ngoku uYehova, uThixo wakho, unenze nanjengeenkwenkwezi zezulu, ukuba baninzi kwenu.
Currently Selected:
IDUTERONOMI 10: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.