UDANIYELI 9
9
UDaniyeli uthandazela abantu bakowabo evuma izono zabo
1Ngomnyaka wokuqala kaDariyo unyana ka-Ahaswerosi, wasembewini yamaMedi, owaba ngukumkani phezu kobukumkani bamaKaledi, 2ngomnyaka wokuqala wobukumkani bakhe, mna, Daniyeli, ndaqonda ngazo iincwadi inani leminyaka, elafikayo ngayo ilizwi likaYehova kuYeremiya umprofeti, ukuba kuzalìswe iminyaka emashumi asixhenxe ngokusingisele kumanxuwa eYerusalem.
3Ndabubhekisa ubuso bam kwiNkosi yam uThixo, ukuba ndifune imithandazo nezitarhuziso, ndizila ukudla, ndinezirhwexayo nothuthu. 4Ndathandaza ke kuYehova uThixo wam, ndavuma ndathi, Awu! Nkosi, Thixo omkhulu owoyikekayo, obagcinela umnqophiso nenceba abo bamthandayo, bayigcinayo imithetho yakhe, 5sònile, senzé ngobugwenxa, senzé okungendawo; sigwilikile, siphambukile emithethweni yakho, nasemasikweni akho. 6Asibaphulaphulanga abakhonzi bakho, abaprofeti ababethetha egameni lakho kookumkani bethu, nakubathetheli bethu, nakoobawo, nakubo bonke abantu belizwe.
7Nkosi, bukuwe ubulungisa; kúthi kukudana kobuso, njengoko kunjalo namhla, kumadoda akwaYuda, kubemi baseYerusalem, kumaSirayeli onke, akufuphi nakude, emazweni onke, apho wawagxothela khona ngenxa yobumenemene bawo, awamenezayo ngabo kuwe. 8Nkosi, kúthi kukudana kobuso, kookumkani bethu, nakubathetheli bethu, nakoobawo; ngokuba sonile kuwe. 9ENkosini uThixo wethu yimfesane, noxolelo, kuba sigwilikile kuye. 10Asiliphulaphulanga ilizwi likaYehova uThixo wethu, ukuba sihambe ngemiyalelo yakhe, abeyibeke phambi kwethu ngabakhonzi bakhe, abaprofeti. 11Onke amaSirayeli awugqithile umyalelo wakho; atyekile ukuba angaliphulaphuli izwi lakho. Siphalazekile ke phezu kwethu isiqalekiso nesifungo, esibhaliweyo emyalelweni kaMoses umkhonzi kaThixo; kuba sònile kuye. 12Wáwamisa ke amazwi akhe, abewathethile ngathi, nangabagwebi bethu ababesigweba, ngokusizisela ububi obukhulu, obungenziwanga phantsi kwezulu lonke, njengoko benziweyo kwiYerusalem.
13Njengoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses, bonke ububi busizèle. Ke asimbongozanga uYehova uThixo wethu, ukuba sibuye ebugwenxeni bethu, sibe ngabanokuqiqa ngenyaniso yakho. 14Wabuphaphela ke uYehova ububi, wasizisela bona; kuba uYehova uThixo wethu elungisa ekwenzeni kwakhe konke akwenzayo; ke asiliphulaphulanga ilizwi lakhe.
15Kaloku ke, Nkosi Thixo wethu, owabakhuphayo abantu bakho ezweni laseYiputa ngesandla esithe nkqi, wazenzela igama, njengoko kunjalo namhla, sonile, senzé okungendawo. 16Nkosi, ngokwemisebenzi yakho yonke yobulungisa, mawukhe ubuye umsindo wakho, nobushushu bakho, kumzi wakho iYerusalem, kwintaba yakho engcwele; kuba, ngezono zethu nangobugwenxa boobawo, iYerusalem nabantu bakho basisingcikivo kuba bonke abasijikelezileyo. 17Kaloku ke, Thixo wethu, kuphulaphule ukuthandaza komkhonzi wakho, nokutarhuzisa kwakhe, ubukhanyise ubuso bakho phezu kwengcwele yakho elinxuwa, ngenxa yeNkosi. 18Thoba indlebe yakho, uve. Vula amehlo akho, ubone ukuphanza kwethu, nomzi lowo ubizwa ngegama lakho. Ngokuba akungangenxa yemisebenzi yethu yobulungisa esiwisa ukutarhuzisa kwethu phambi kwakho; kungenxa yeemfesane zakho ezininzi. 19Nkosi, yiva; Nkosi, xolela; Nkosi, baza iindlebe, wenze. Ngenxa yakho, Thixo wam, musa ukulibala; kuba umzi wakho nabantu bakho babizwa ngegama lakho.
UGabriyeli uzisa impendulo
20Ndathi ndisathetha, ndithandaza, ndivuma isono sam, nesono sabantu bakowethu amaSirayeli, ndiwisa ukutarhuzisa kwam phambi koYehova uThixo wam, ngenxa yentaba engcwele yoThixo wam: 21ndisathetha ke ngokuthandaza, indoda enguGabriyeli,• leyo ndayibonayo embonweni ekuqaleni, ndityhafile nokutyhafa, yasondela kum ngexesha lomnikelo wangokuhlwa.
22Yandiqondisa, yathetha nam, yathi, Daniyeli, ngoku ndiphumile ukuba ndikufundise, uqonde. 23Kwaphuma ilizwi ekuqaleni kokutarhuzisa kwakho; mna ndizé kulixela kuwe, ngokuba ungonqwenelekayo. Liqonde ke ilizwi, uqonde umbono. 24Bamisélwe iiveki ezimashumi asixhenxe abantu bakowenu, nomzi wakowenu ongcwele, ukuba sithintelwe isikreqo, zitywinwe izono, bucanyagushelwe ubugwenxa, kuziswe ubulungisa obungunaphakade, utywinwe umbono nomprofeti, ithanjiswe ingcwele kangcwele. 25Yázi ke uqiqe ukuba, kuthabathela ekuphumeni kweli zwi lokuba ibuyiswe yakhiwe iYerusalem, kuse kumthanjiswa oyingànga, ziiveki ezisixhenxe; ziiveki ezimashumi mathandathu anambini, eya kubuyiswa yakhiwe ibe banzi, icandwe, ekucuthekeni ke kwamaxesha. 26Emveni ke kweeveki ezimashumi mathandathu anambini, úya kunqunyulwa umthanjiswa, angabi saba nanto. Umzi nengcwele úya kutshatyalaliswa ngabantu bengànga eya kuza; ukuphela kwayo kuya kuba ngomkhukula. Kude ke kuse ekupheleni, kuya kuba yimfazwe, luphanziso olumiswe lwagqitywa. 27Abaninzi yobaqinisela umnqophiso iveki enye; ngesiqingatha seveki iphelise imibingelelo neminikelo yokudla; ize ngamaphiko ezinto ezinezothe ingumphanzisi; side ke siphalazeke isiphelo, sisesimisiweyo sagqitywa, phezu kwayo impanziso.
Currently Selected:
UDANIYELI 9: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.