UDANIYELI 8

8
Umbono kaDaniyeli wenkunzi yegusha nowenkunzi yebhokhwe nowophondo
1Ngomnyaka wesithathu wokulawula kukaBheleshatsare ukumkani, kwabonakala kum, mna Daniyeli, umbono emva kwalowa wabonakalayo kum matanci. 2Ndabona embonweni, kwathi, ekuboneni kwam, ndaba ndiseShushan komkhulu, esezweni lakwaElam; ndabona embonweni, ndangasemlanjeni oyiUlayi.
3Ndaphakamisa amehlo am, ndabona, nanko kumi phambi komlambo inkunzi yegusha, ineempondo ezimbini. Ezi mpondo zombini zinde, olunye ke lulude kunolunye; olu lude lwavela mva. 4Ndayibona inkunzi yegusha ihlaba, ibhekisa entshonalanga, nasentla, nasezantsi; zonke izinto eziphilileyo azaba nakuma phambi kwayo, akwabakho unokuhlangula esandleni sayo. Yenza ngokukholekileyo kuyo, yakhula.
5Mna ke ndisaqonda, nanko kuvela inkunzi yebhokhwe entshonalanga, ihamba phezu kwehlabathi lonke, ingafiki phantsi; inkunzi ke yebhokhwe ibinophondo olubonakalayo phakathi kwamehlo ayo. 6Yaya yafika enkunzini yegusha, umnini-mpondo-mbini, endiyibone imi phambi komlambo, yagidimela kuyo ke ngobushushu bamandla ayo. 7Ndayibona ifika ecaleni lenkunzi yegusha, yayijamela, yayityhomfa inkunzi yegusha, yazaphula iimpondo zayo zombini. Yayingenamandla inkunzi yegusha ukuma phambi kwayo; yayingqula emhlabeni, yayinyhasha, akwabakho bani unokuyihlangula inkunzi yegusha emandleni ayo.
8Inkunzi yebhokhwe yakhula ngokuncamisileyo; ke, yakuba namandla, lwaphuka uphondo olukhulu; esikhundleni salo kwavela eziné ezibonakalayo, zabheka emimoyeni yominé yasezulwini. 9Kolunye kuzo kwaphuma uphondo luluncinane, lwaba lukhulu ngokuncamisileyo, lwabheka ngasezantsi, nangasempumalanga, nangasezweni eliligugu. 10Lwakhula lwada lwesa kumkhosi wezulu, lwayiwisa emhlabeni inxenye yomkhosi lowo weenkwenkwezi, lwayinyhasha. 11Lwazikhulisa, lwada lwesa kumthetheli-mkhosi lowo, lwasusa kuye inkonzo yamaxesha onke; nendawo yengcwele yakhe yawiswa phantsi. 12Umkhosi unikelwe kulo, kunye nenkonzo yamaxesha onke, ngenxa yesikreqo; inyaniso lwayiwisela phantsi emhlabeni, lwenza lwaba nempumelelo.
13Ndamva ongcwele ethetha; wathi ke omnye ongcwele kulowo ubethetha, Ngowomzuzu ongakanani na umbono lowo wenkonzo yamaxesha onke, nowesikreqo esiphanzisayo, ukunikelwa oko kwengcwele nomkhosi lowo ekunyhashweni? 14Wathi kum, Koda kube kukuhlwa, kusisa, okungamawaka amabini anamakhulu amathathu; yandule ukulungiswa ingcwele.
UGabriyeli utyhila umbono
15Kwathi, ndakuwubona umbono, mna Daniyeli, ndafuna ukuqonda; nanko kumi phambi kwam okungathi kuyimbonakalo yendoda. 16Ndeva ilizwi lomntu phakathi kweenxweme zeUlayi, labiza lathi, Gabriyeli,• mqondise imbonakalo. 17Weza kweli cala ndimi kulo. Akuza ndóyika, ndawa ngobuso; wathi kum, Qonda, nyana womntu; ngokuba umbono lo usingise kwixesha lokuphela.
18Ke kaloku, ekuthetheni kwakhe nam, ndawa isiduli ngobuso emhlabeni; wandichukumisa, wandimisa endaweni yokuma kwam. 19Wathi, Yabona, ndiya kwazisa okuya kubakho ekupheleni kobhavumo; ngokuba umbono uya kwixesha elimisiweyo lokuphela. 20Inkunzi yegusha oyibonileyo ineempondo ezimbini, ngokumkani bamaMedi nabamaPersi; 21nenkunzi yebhokhwe exhonti ngukumkani wakwaYavan;• uphondo olukhulu oluphakathi kwamehlo ngukumkani wokuqala. 22Ukwaphuka oku, kumè zibe né esikhundleni salo, kukuthi, kuya kusuka kume izikumkani eziné eluhlangeni, kungabi ngamandla alo ke.
23Ekupheleni kobukumkani babo, bakubon' ukuba bazalisile abakreqi, kuya kusuka kume ukumkani, obuso bungwanyalala, obaziyo ubuqhetseba; 24omelele amandla akhe, kodwa kungabi ngamandla akhe; ke úya konakalisa ngokubalulekileyo, abe nempumelelo, afeze, abatshabalalise abomeleleyo nabantu babangcwele. 25Ngenxa yobuqhokolo bakhe, yoba nempumelelo inkohliso ngesandla sakhe, azenze mkhulu entliziyweni yakhe, abatshabalalise abaninzi ngokwalama, asukele phezulu kumthetheli wabathetheli, aphulwe, ke kungabi ngasandla. 26Umbono wokuhlwa kusisa okhankanyiweyo uyinyaniso. Wena ke, uze uwuvalele umbono; ngokuba úya kwimihla emininzi.
27Mna Daniyeli ndaphela, ndaneentsuku ndisifa; ndavuka, ndayenza imicimbi yokumkani. Ndamangaliswa yimbonakalo leyo; kwakungekho uyiqondayo.

Currently Selected:

UDANIYELI 8: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena