UAMOSI 9
9
Imigwebo yeNkosi ayinakuphetshwa
1Ndayibona iNkosi imi ngasesibingelelweni. Yathi, Zibethe iinqanam, inyikime imigubasi yomnyango, uziqobe ezo zinto, ziwe entlokweni yabo bonke bephela, ndibabulale abokugqibela babo ngekrele. Osabayo kubo akasayi kusinda, angasindi nokuzisindisa kubo. 2Ukuba bathe bagqobhozela elabafileyo, sóbathabatha nakhona isandla sam; nokuba bathe benyuka baya ezulwini, ndobahlisa nakhona. 3Nokuba bathe bazímela encotsheni yeKarmele, ndofuna, ndibathabathe nalapho; nokuba bathe bazisithelisa phambi kwamehlo am emazantsi olwandle, ndoyiwisela umthetho nalapho inyoka, ibalume. 4Nokuba bathe bathinjwa phambi kweentshaba zabo, ndoliwisela umthetho nalapho ikrele, libabulale, ndiwamise kubo amehlo am, ukuba kube kubi, kungalungi.
5INkosi uYehova wemikhosi ngulophatha ilizwe, linyibilike, benze isijwili bonke abemiyo kulo; linyuke lonke liphela njengoMnayile, libuye liwúthe njengoMnayile waseYiputa; 6ngulowakhela emazulwini amagumbi akhe aphezulu, nophahla lwawo alusekele phezu kwehlabathi; ngulobiza amanzi olwandle, awathululele phezu kwehlabathi: nguYehova igama lakhe. 7Àninjengoonyana bamaKushi na kum, nina nyana bakaSirayeli? utsho uYehova. Andiwanyusanga na amaSirayeli ezweni laseYiputa, amaFilisti eKafetori, ama-Aram• eKire?
8Yabonani, amehlo eNkosi uYehova asebukumkanini obonáyo, ndibutshabalalise, bungabikho phezu komhlaba; kodwa andiyi kuyitshabalalisa iphele indlu kaYakobi; utsho uYehova. 9Ngokuba, yabonani, ndiwisa umthetho, ndiyihlungule indlu kaSirayeli ezintlangeni zonke, njengoko kuhlungulwa ingqolowa ngesihlungulo, kungawi nokhozo emhlabeni. 10Baya kufa ngekrele bonke aboni babantu bam; abo bathi, Abuyi kusifumana, abuyi kusithintela ububi.
Ukubuyiswa kukaSirayeli
11Ngaloo mini ndiya kuwuvusa umnquba kaDavide, lowo uwileyo, ndizivingce iintanda zawo, ndizivuse iindawo zawo ezigungxulweyo, ndiwakhe ube njengokwemihla yamandulo; 12ukuze bawathimbe amasalela akwaEdom, neentlanga zonke, ezibizwa ngegama lam; utsho uYehova okwenzayo oku. 13Yabonani, kuza imihla, utsho uYehova, aya kuthi afumanane umlimi nomvuni, umxovuli weediliya afumanane nomhlwayeli wembewu; iintaba zivuze incindi yeediliya, neenduli zonke zinyibilike. 14Ndiya kukubuyisa ukuthinjwa kwabantu bam amaSirayeli, bayakhe imizi engamanxuwa, bayihlale, batyale izidiliya, basele iwayini yazo, benze imiyezo, badle iziqhamo zayo. 15Ndobatyala emhlabeni wabo, bangabi sanyothulwa emhlabeni wabo endabanikayo; utsho uYehova uThixo wakho.
Currently Selected:
UAMOSI 9: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.