UAMOSI 2

2
1Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaMowabhi, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokuwatshisa kwakhe amathambo ookumkani bakwaEdom, ába yikalika: 2ndiya kuthumela umlilo kwaMowabhi, utshise iingxande ezinde zeKeriyoti, afe uMowabhi, kúphithizelwa, kúhlatywa umkhosi, kúvuthelwa izigodlo. 3Ndomnqumla umgwebi phakathi kwakhe, ndibabulale bonke abathetheli bakhe kunye naye; utsho uYehova.
Ukugwetywa kukaYuda noSirayeli
4Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaYuda, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokuwucekisa kwabo umyalelo kaYehova, àbayigcina imimiselo yakhe; amanga abo, ababelandela wona ooyise, àbandwendwisa: 5ndiya kuthumela umlilo kwaYuda, utshise iingxande ezinde zeYerusalem.
6Utsho uYehova ukuthi, Ngenxa yezikreqo ezithathu zakwaSirayeli, ngenxa yeziné — andiyi kuyibuyisa umva le nto — ngenxa yokuba bathengisa ilungisa ngesilivere, bathengisa ihlwempu ngeembadada ezimbini; 7bona abo bazondayo ukuba intloko yezisweli ibe nothuli lomhlaba, bayijike indlela yabalulamileyo; umntu noyise baya ntombini-nye, ukuze balihlambele igama lam elingcwele; 8banaba phezu kweengubo ezisisibambiso ngasezibingelelweni zonke, basela iwayini yabahlawulisiweyo endlwini yothixo wabo.
9Kanti mna ndamtshabalalisa ebusweni babo umAmori, obude bunjengobude bemisedare,• obeliqele njengemioki;• ndasitshabalalisa isiqhamo sakhe ngaphezulu, neengcambu zakhe ngaphantsi. 10Ke mna ndaninyusa ezweni laseYiputa, ndanikhokela entlango iminyaka emashumi mané, ukuze nilihlùthe ilizwe lomAmori. 11Ndavelisa koonyana benu abokuba ngabaprofeti, nakumadodana enu abokuba ngabazahlulileyo. Hi, àkunjalo na, nyana bakaSirayeli? utsho uYehova. 12Ke nisuke nabaseza iwayini abazahlulileyo; abaprofeti nabawisela umthetho wokuthi, Ize ningaprofeti.
13Yabonani, ndiya kunixinzelela phantsi, njengokuba ixinzelelwa phantsi inqwelo ezele zizithungu. 14Wókhohlwa kukusaba onamendu, owomeleleyo angawaqinisi amandla akhe, igorha lingabusindisi ubomi balo. 15Nóphethe isaphetha akayi kumisa, nonyawo zinamendu angazisindisi, nokhwele ehasheni angabusindisi ubomi bakhe; 16nontliziyo ikhaliphileyo phakathi kwamagorha asabe ezé ngaloo mini; utsho uYehova.

Currently Selected:

UAMOSI 2: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena