KUTIMOTI II 4

4
1Ndiyaqononondisa mna ngoko emehlweni kaThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, oza kugweba abaphilileyo nabafileyo, kwanangokubonakala kwakhe nobukumkani bakhe: 2livakalise ilizwi; zingisa ukwenjenjalo ngamathuba alungileyo naxakileyo; yohlwaya, khalimela, vuselela, únako konke ukuzeka kade umsindo, nokufundisa.
3Kuba kuya kubakho ixesha abangayi kuyinyamezela imfundiso ephilileyo; baya kusuka ngokweenkanuko zabo bazifumbele abafundisi, bebaba iindlebe; 4babeya kuzisonga zimke iindlebe kuyo inyaniso, baphambukele ke kuzo iintsomi.
5Ke wena yiba yingcathu ezintweni zonke, nyamezela ububi, umsebenzi womshumayeli weendaba ezilungileyo wénze, búzalise ubulungiseleli bakho. 6Kuba mna sendithululwa ngokomnikelo; nalo ixesha lokunduluka kwam likufuphi. 7Umzamo omhle ndiwuzamile, ugqatso ndilufezile, ukholo ndilugcinile. 8Okokugqibela ndibekelwe isithsaba sobulungisa, eya kundibuyisela ngaso ngaloo mini iNkosi, umgwebi olilungisa; ingabi ndim ndedwa ke, ibe ngabo bonke abakuthandayo ukubonakala kwayo.
Imiyalezo etyumbayo nemibuliso
9Khawuleza uze kum kamsinya; 10kuba uDemasi wandishiya ngokuthanda iphakade langoku, waya eTesalonika; uKreske uye kwelaseGalati; uTito uye kwelaseDalmati. 11NguLuka yedwa onam. Thabatha uMarko uze naye; kuba únokundinceda kakuhle kumsebenzi wokulungiselela. 12Ke uTikiko ndamthumela e-Efese. 13Ingubo endayishiya eTrowa kuKarpo, uze uyiphathe ekuzeni kwakho, neencwadi ezo, ngokukodwa ezezìntsu.
14UAlesandire, umkhandi wobhedu, wandenza izinto ezininzi ezimbi; iNkosi iya kumbuyekeza ngokwemisebenzi yakhe. 15Mlumkele nawe; kuba wawachasa kunene amazwi ethu.
16Kokokuqala ukuziphendulela kwam, akubangakho namnye unam, basuka bonke bandishiya; kwanga akungebalelwe kubo oko. 17Noko ke iNkosi yandinceda, yandomeleza, ukuze ngam uvakaliso lweendaba ezilungileyo luzaliseke, neentlanga zonke zive; ndaza ndahlangulwa emlonyeni wengonyama. 18Isaya kundihlangula yona iNkosi kuwo wonke umsebenzi ongendawo, indisindisele ebukumkanini bayo obusemazulwini; kuyo makubekho uzuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.
19Bulisa kuPriska noAkwila, nakwindlu kaOnesiforo. 20UErasto wasala eKorinte. Ke uTrofimo ndamshiya eMileto esifa. 21Khawuleza uze, kungekabi sebusika. Uya kubulisa uYubhulo, noPudens, noLino, noKlawudiya, nabo abazalwana bonke.
22INkosi uYesu Kristu mayibe nomoya wakho. Ubabalo malube nani. Amen.

Currently Selected:

KUTIMOTI II 4: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena