USAMUWELI II 23
23
Amazwi okugqibela kaDavide
1Ngawo la ke amazwi okugqibela kaDavide:
Utsho uDavide unyana kaYese,
Itsho indoda eyaphakanyiselwa phezulu,
Umthanjiswa woThixo kaYakobi,
Omihobe imnandi kwaSirayeli,
2Ukuthi, UMoya kaYehova uthetha ngam,
Ukukhuluma kwakhe kuselulwimini lwam.
3Uthi uThixo kaSirayeli,
ULiwa lakwaSirayeli uthetha kum, uthi,
Kuya kuvela umlawuli woluntu olilungisa,
Elawula ngokoyika uThixo.
4Unjengokukhanya kwentsasa, lakuphuma ilanga,
Njengentsasa engenamafu,
Lakusa ibisína,
Lwakuphuma uhlaza endle.
5Kuba ayinjalo yini na indlu yam kuThixo?
Kuba undenzele umnqophiso ongunaphakade,
Walungiswa ngeento zonke, wagcinwa;
Kuba ukusindiswa kwam konke, nokunqwena kwam konke,
Akayi kukuhlumisa yini na?
6Ke amatshijolo onke ephela anjengemithana enameva ecukulwayo,
Kuba ingenakuthatyathwa ngesandla.
Umntu ukuyiphatha
7Umntu ukuyiphatha
Uzalisa isandla ngentsimbi noluthi lwentshuntshe,
Itshiswe itshe ngumlilo kwalapho ikhona.
Izenzo zamagorha kaDavide
8Ngawo la amagama amagorha kaDavide: nguYoshebhe-bhashebhete waseTakemon, obeyintloko yabaphathimikhosi; yena watyityimbisa intshuntshe yakhe phezu kwamakhulu asibhozo awahlatywa ngesihlandlo esinye.
9Nganeno kwakhe nguElazare, unyana kaDodayi, unyana womAhowa, obelelinye kumagorha lawo mathathu abenoDavide ekuwangcikiveni kwawo amaFilisti, abebuthelene khona emfazweni, akubon' ukuba anyukile amadoda akwaSirayeli: 10yena wesuka wawabulala amaFilisti, sada sadinwa isandla sakhe, somela ekreleni isandla sakhe; wenza ke uYehova usindiso olukhulu ngaloo mini; babuya abantu bamlandela, banela ukuthimba kuphela.
11Nganeno kwakhe nguShama, unyana ka-Age umHarari. AmaFilisti ayehlanganisene asisiqhu. Kwaye kukho apho isiqwenga somhlaba sizele ziintlumaya; basaba abantu ebusweni bamaFilisti; 12wesuka yena wema esazulwini sesiqwenga eso, wasihlutha, wawabulala amaFilisti. UYehova wenza ke usindiso olukhulu.
13Kwehla isithathu sabaziintloko emashumini amathathu abaphathi-mikhosi, beza kuDavide, xa kuvunwayo, emqolombeni waseAdulam; saye isiqhu samaFilisti simise iintente entilini yamaRafa. 14UDavide oko ubesemboniselweni; ikampu yamaFilisti oko ibiseBhetelehem. 15Wanqwena uDavide, wathi, Akwaba, bethu, bendingàsezwa amanzi equla laseBhetelehem, elisesangweni! 16Atyhudisa loo magorha mathathu empini yamaFilisti, ákha amanzi equleni laseBhetelehem elisesangweni, awathwala awazisa kuDavide. Akavuma ukuwasela, wawathululela phantsi phambi koYehova. 17Wathi, Makube lee kum, Yehova, ukwenza oko. Asiligazi na eli lamadoda ahambé encamé imiphefumlo yawo? Akavuma ke ukuwasela. Enza ezo zinto amagorha lawo mathathu.
18Ke uAbhishayi, umninawa kaYowabhi, unyana kaTseruya, yena ube eyintloko yabaphathi-mikhosi; wathi rhuthu intshuntshe yakhe phezu kwamakhulu amathathu abahlatywáyo. Wayenegama ke kwabo bathathu. 19Wayezukile okunene ngaphezu kwamashumi amathathu lawo, waba ngumthetheli wawo; kodwa akafikanga kwabaya bathathu.
20Ke uBhenaya unyana kaYehoyada, unyana wendoda enobukroti, ozenzo zininzi, waseKabhetseli, yena wabulala iingwanyalala ezimbini zakwaMowabhi; yena wehla, wabulala ingonyama equleni phakathi, mini ngekhephu. 21Yena wabulala indoda engumYiputa, indoda enewonga; umYiputa lowo wayephethe intshuntshe. Wehla, waya kuye enentonga, wayihlutha intshuntshe esandleni somYiputa lowo, wambulala ngentshuntshe yakhe. 22Wenza ezo zinto uBhenaya unyana kaYehoyada; waba negama ke kumagorha lawo mathathu. 23Ubezukile kunamashumi amathathu lawo; kodwa akafikanga kwabaya bathathu. UDavide wammisa ephakathini lakhe.
24UAsaheli, umninawa kaYowabhi, ebengomnye kumashumi amathathu lawo; nguElihanan unyana kaDodayi waseBhetelehem; 25nguShama waseHarodi; nguElika waseHarodi; 26nguHeletse wasePeleti; nguIra unyana kaIkeshe waseTekowa; 27nguAbhiyezere waseAnatoti; 28nguMebhunayi umHusha; nguTsalimon umAhowa; nguMaharayi waseNetofa; 29nguHelebhe, unyana kaBhahana waseNetofa; nguItayi, unyana kaRibhayi, waseGibheha yoonyana bakaBhenjamin; 30nguBhenaya wasePiraton; nguHidayi wasezihlanjeni zaseGahashe; 31nguAbhihalebhon waseArabha; nguAzemavete waseBhahurim; 32nguEliyabha waseShahalebhon; nguBhene-yashen; nguYonatan; nguShama umHarari; 33nguAhiyam, unyana kaSharare umArari; 34nguElifelete unyana ka-Ahasebhayi, unyana wowaseMahaka; nguEliyam unyana ka-Ahitofele, waseGilo; 35nguHetsero waseKarmele; nguPaharayi waseArbhi; 36nguIgali unyana kaNatan waseTsobha; 37nguBhani wakwaGadi; nguTseleke umAmon; nguNaharayi waseBheroti, umphathi weentonga zikaYowabhi unyana kaTseruya; 38nguIra umItri; nguGarebhe umItri; 39ngu-Uriya umHeti; bebonke bangamashumi omathathu anesixhenxe.
Currently Selected:
USAMUWELI II 23: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.