USAMUWELI II 17
17
Ukuwa nokufa kuka-Ahitofele
1Wathi uAhitofele kuAbhisalom, Makhe ndinyule ishumi lamawaka elinamawaka amabini amadoda, ndisuke, ndimsukele uDavide ngobu busuku; 2ndimfikele ediniwe, ewé izandla, ndimothuse; basabe bonke abantu anabo; 3ndibulale ukumkani yedwa; ndibabuyisele kuwe bonke abantu; indoda leyo ufuna yona injengokungathi babuye bonke; boxola bonke abantu. 4Lalunga elo zwi emehlweni ka-Abhisalom, nasemehlweni amadoda amakhulu onke akwaSirayeli.
5Wathi uAbhisalom, Khawubize noHushayi waseArki, sive into esemlonyeni wakhe naye. 6Weza uHushayi kuAbhisalom; wathi uAbhisalom kuye, UAhitofele uthethe eli lizwi wenjenje. Sènze ngelizwi lakhe, singenzi ngalo, kusini na? Khawutsho wena.
7Wathi uHushayi kuAbhisalom, Icebo uAhitofele acebisa lona alilungile okwangoku. 8Wathi uHushayi, Wena uyamazi uyihlo namadoda akhe, ukuba ngamagorha amphefumlo ulugcalagcala, njengebhere• ehluthwe amathole ayo ezindle; uyihlo yindoda eqhele ukulwa, akalali ebantwini. 9Yabona, kungokunje uzimele emgongxweni, nokuba kukwenye indawo. Kothi ke, xa athe wabawela ekuqaleni, eve ovayo, athi, Kukho uxabelo ebantwini abamlandelayo uAbhisalom; 10athi nomfo onobukroti, ontliziyo injengentliziyo yengonyama, anyibilike kuphele. Ngokuba onke amaSirayeli ayazi ukuba uyihlo ligorha, abo banaye ngamakroti. 11Ndithi elam icebo, makahlanganiswe, ahlanganiselwe kuwe, onke amaSirayeli, athabathele kwaDan ese eBher-sheba, abe njengentlabathi engaselwandle ubuninzi, uye emfazweni ngesiqu. 12Sòfika ke kuye endaweni, apho afumaneke khona, sithi qatha phezu kwakhe, njengokulala kombethe emhlabeni, kungasali namnye kuye nakumadoda onke anaye. 13Ke ukuba úthe warholela emzini, onke amaSirayeli ozisa izintya kuloo mzi, siwukrwiqilizele emlanjeneni, kude kungafumaneki nelityana khona.
14Wathi uAbhisalom namadoda onke akwaSirayeli, Icebo likaHushayi umArki lilungile kunecebo lika-Ahitofele. UYehova wayemise ukuba litshitshiswe icebo elilungileyo lika-Ahitofele, ukuze uYehova amzisele ububi uAbhisalom.
15Wathi uHushayi kuTsadoki nakuAbhiyatare ababingeleli, Wenjenje, wenjenje uAhitofele ukumpha icebo uAbhisalom namadoda amakhulu akwaSirayeli; ke mna ndenjenje, ndenjenje ukubapha icebo. 16Thumelani ke ngoko kamsinya, nimxelele uDavide, nithi, Musa ukulala ngobu busuku emazibukweni entlango; khawuleza uwele, hleze aginywe ukumkani nabantu bonke anabo.
17Ke kaloku uYonatan noAhimahatse babemi e-En-rogele; waye umkhonzazana emana ukubaxelela; baya ke bona baxelela ukumkani uDavide; ngokuba babengenakuya besiza phakathi komzi ekuhléni. 18Umfana wababona, waxelela uAbhisalom. Bobabini ke basaba ngokukhawuleza, bafika endlwini yendoda eBhahurim ebinequla entendelezweni yayo, behla, behlela khona apho. 19Intokazi yathabatha isigqubuthelo, yasitwabulula emlonyeni wequla elo, yaneka phezu kwaso irhasi engqushiweyo; àyaziwa ke loo nto. 20Bafika abakhonzi baka-Abhisalom kuloo ntokazi endlwini, bathi, Baphi na ooAhimahatse noYonatan? Yathi loo ntokazi kubo, Bawelé umlanjana lo unamanzi. Bafuna ke, ababafumana; babuyela eYerusalem. 21Kwathi emva kokumka kwabo, baphuma equleni, baya bamxelela ukumkani uDavide; bathi kuDavide, Sukani niwele kamsinya emanzini; ngokuba wenjenje uAhitofele ukubapha icebo ngani.
22Wesuka ke uDavide nabantu bonke anabo, bayiwela iYordan; kwathi kusasa kwabe kungasekho namnye ungayiwelanga iYordan. 23Ebonile uAhitofele ukuba akwenziwanga ngelakhe icebo, wabopha iesile, wesuka, wagoduka, waya emzini wakhe, wayolela, wazikrwitsha wafa; wangcwatyelwa engcwabeni likayise.
24UDavide wafika eMahanayim; uAbhisalom wayiwela iYordan, yena namadoda onke akwaSirayeli kunye naye. 25UAbhisalom wammisa uAmasa esikhundleni sikaYowabhi phezu komkhosi. Ke uAmasa ebengunyana wendoda egama linguItra, engumYizereli, eyangena kuAbhigali intombi kaNahashe, udade boTseruya, unina boYowabhi. 26AmaSirayeli noAbhisalom bamisa ezweni laseGiliyadi.
27Kwathi, akufika uDavide eMahanayim, uShobhi unyana kaNahashe, waseRabha yakoonyana baka-Amon, noMakire unyana ka-Amiyeli, waseLo-debhare, noBharzilayi, waseGiliyadi waseRogelim, 28bazisa iinkuko, nezitya, nemiphanda, nengqolowa, nerhasi, nomgubo, namakhweba neembotyi, neentlumaya, 29nezinye izinto ezigcadiweyo, nobusi, namasi, nempahla emfutshane, nezonka zamasi enkomo, kuDavide nabantu abenabo, ukuze badle; kuba babesithi, Abantu balambile, batyhafile, banxaniwe entlango.
Currently Selected:
USAMUWELI II 17: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.