OOKUMKANI II 15
15
Ookumkani ngookumkani
1Ngomnyaka wamashumi omabini anesixhenxe kaYarobheham ukumkani wakwaSirayeli, waba ngukumkani uAzariya, unyana ka-Amatsiya ukumkani wakwaYuda. 2Ubeminyaka ilishumi linamithandathu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba neminyaka emashumi mahlanu anamibini engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYekoliya waseYerusalem.
3Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova, njengako konke awakwenzayo uAmatsiya uyise; 4kodwa azisuswanga izigánga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni. 5UYehova wambetha ukumkani, waba neqhenqa kwada kwayimini yokufa kwakhe; wahlala endlwini eyodwa. Ke uYotam, unyana wokumkani, ebephethe ibhotwe, ebalawula abantu belizwe.
6Ezinye izinto zika-Azariya, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? 7Walala uAzariya kooyise; bamngcwabela kooyise emzini kaDavide. UYotam, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
8Ngomnyaka wamashumi omathathu anesibhozo ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uZekariya, unyana kaYarobheham, kumaSirayeli kwaSamari, iinyanga ezintandathu. 9Wenza okubi emehlweni kaYehova, njengoko benza ngako ooyise; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli. 10UShalum unyana kaYabheshe wamceba, wamxabela phambi kwabantu, wambulala; waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
11Ezinye izinto zikaZekariya, nanzo zibhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli. 12Lilizwi elo awalithethayo uYehova kuYehu lokuthi, Kuwe kuya kuhlala oonyana besesiné isizukulwana etroneni yakwaSirayeli. Kwaba njalo ke.
13UShalum unyana kaYabheshe waba ngukumkani ngomnyaka wamashumi omathathu anesithoba kaUziya ukumkani wakwaYuda. Waba ngukumkani inyanga iphela kwaSamari. 14Wenyuka uMenahem unyana kaGadi, esuka eTirtsa, waya kwaSamari, wamxabela uShalum unyana kaYabheshe kwaSamari, wambulala, waba ngukumkani esikhundleni sakhe. 15Ezinye izinto zikaShalum, necebo lakhe awalicebayo, nanzo zibhalwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli. 16Waza uMenahem wachitha iTifesa nento yonke ebikuyo, nemida yayo, ephuma eTirtsa; ngokuba ingamvulelanga, wayixabela; wabaqangqulula bonke abamithiyo kuyo.
17Ngomnyaka wamashumi omathathu anesithoba ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uMenahem unyana kaGadi kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yalishumi.
18Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli, yonke imihla yakhe. 19Walifikela ilizwe uPuli, ukumkani waseAsiriya; uMenahem wamnika uPuli iwaka leetalente• zesilivere, ukuze izandla zakhe zibe ngakuye, ukuze abuqinise ubukumkani esandleni sakhe. 20UMenahem wayibiza isilivere leyo kumaSirayeli, kumadoda onke azizityebi, ukuba anike ukumkani waseAsiriya: yangamashumi omahlanu eeshekele• zesilivere kumntu emnye. Wabuya ke ukumkani waseAsiriya; akahlala ezweni elo.
21Ezinye izinto zikaMenahem, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? 22Walala uMenahem kooyise; uPekaya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
23Ngomnyaka wamashumi omahlanu ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uPekaya, unyana kaMenahem, kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yamibini. 24Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.
25UPeka, unyana kaRemaliya, umphathi-mkhosi wakhe, wamceba wamxabela kwaSamari enqabeni yendlu yokumkani, noArgobhi noAriye, enamadoda angamashumi omahlanu koonyana bamaGiliyadi; wambulala, waba ngukumkani esikhundleni sakhe. 26Ezinye izinto zikaPekaya, nako konke awakwenzayo, nanzo zibhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.
27Ngomnyaka wamashumi omahlanu anamabini ka-Azariya ukumkani wakwaYuda, uPeka, unyana kaRemaliya, waba ngukumkani kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yamashumi mabini. 28Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.
29Ngemihla kaPeka ukumkani wakwaSirayeli, kwafika uTigelate-pilezere ukumkani waseAsiriya, wayithabatha i-Iyon, neAbhele-bhete-mahaka, neYanowa, neKedeshe, neHatsore, nelaseGiliyadi, nelaseGalili, lonke ilizwe lakwaNafetali; wabathimba, wabafudusa wabása eAsiriya. 30UHoseya unyana kaEla wamceba uPeka unyana kaRemaliya, wamxabela, wambulala, waba ngukumkani esikhundleni sakhe ngomnyaka wamashumi amabini kaYotam, unyana kaUziya. 31Ezinye izinto zikaPeka, nako konke awakwenzayo, nanzo zibhaliwe encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli.
32Ngomnyaka wesibini kaPeka unyana kaRemaliya, ukumkani wakwaSirayeli, waba ngukumkani uYotam unyana kaUziya, ukumkani wakwaYuda. 33Ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe. Waba neminyaka elishumi linamithandathu engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYerusha, intombi kaTsadoki. 34Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova; wenza njengako konke awakwenzayo u-Uziya uyise. 35Kodwa izigánga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezigangeni. Yena walakha isango langasentla lendlu kaYehova.
36Ezinye izinto zikaYotam, nako konke awakwenzayo, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? 37Ngaloo mihla waqala uYehova ukuthumela kwaYuda uRetsin, ukumkani wakwa-Aram,• noPeka unyana kaRemaliya. 38Walala uYotam kooyise, wangcwatyelwa kooyise emzini kaDavide uyise; uAhazi, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
Currently Selected:
OOKUMKANI II 15: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.