OOKUMKANI II 14
14
UAmatsiya ngukumkani wakwaYuda
1Ngomnyaka wesibini kaYehohashe unyana kaYehowahazi, ukumkani wakwaSirayeli, waba ngukumkani uAmatsiya, unyana kaYowashe ukumkani wakwaYuda. 2Ubeminyaka imashumi mabini anamihlanu ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka emashumi mabini anesithoba engukumkani eYerusalem. Igama lonina belinguYehowadan waseYerusalem.
3Wenza okuthe tye emehlweni kaYehova; kodwa akaba njengoDavide uyise; wenza njengako konke awakwenzayo uYowashe uyise. 4Kodwa zona izigánga azisuswanga; abantu babesabingelela beqhumisela ezingangeni. 5Wathi, bakuqiniseka ubukumkani esandleni sakhe, wababulala abakhonzi bakhe ababembulele ukumkani uyise. 6Ke oonyana bababulali abo akababulalanga, njengoko kubhaliweyo encwadini yomyalelo kaMoses, apho uYehova wayewise umthetho wokuthi, Ooyise mabangabulawa ngenxa yoonyana, oonyana mabangabulawa ngenxa yooyise; elowo makabulawe ngesakhe isono. 7Wawabulala amaEdom eSihlanjeni seTyuwa, ishumi lamawaka. Wayithimba ingxondorha ngokulwa; wathi igama layo yiYoketele unanamhla.
8Waza uAmatsiya wathumela abathunywa kuYehohashe, unyana kaYehowahazi, unyana kaYehu, ukumkani wakwaSirayeli, esithi, Yiza siqwalaselane ngamehlo. 9UYehohashe ukumkani wakwaSirayeli wathumela kuAmatsiya ukumkani wakwaYuda, wathi, Ikhakakhaka eliseLebhanon lathumela kumsedare• oseLebhanon, lisithi, Unyana wam mnike intombi yakho, ibe ngumkakhe. Ke irhamncwa laseLebhanon laliwela, lalibhuqa, ikhakakhaka elo. 10Ùwabulele okunene amaEdom, yakuphakamisa intliziyo yakho; zuka ngaloo nto uhlale endlwini yakho. Yini na ukuba ufekethe ngobubi, uwe, wena namaYuda anawe?
11Akaphulaphula uAmatsiya. Wenyuka ke uYehohashe ukumkani wakwaSirayeli; baqwalaselana ngamehlo, yena noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, eBhete-shemeshe eyeyakwaYuda. 12Aqondiswa ke amaYuda ngamaSirayeli; yangulowo wasabela ententeni yakhe. 13UYehohashe ukumkani wakwaSirayeli wambamba uAmatsiya ukumkani wakwaYuda, unyana kaYowashe, unyana ka-Ahaziya, eBhete-shemeshe, weza eYerusalem, waluqhekeza udonga lweYerusalem, wathabathela esangweni lakwaEfrayim, wesa esangweni lembombo, ikubhite• ezimakhulu mané. 14Wayithabatha yonke igolide nesilivere, neempahla zonke ezafumanekayo endlwini kaYehova, nasebuncwaneni bendlu yokumkani, nabazizibambiso; wabuyela kwaSamari.
15Ezinye izinto zikaYehohashe awazenzayo, nobukroti bakhe, nokulwa kwakhe noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? 16Walala uYehohashe kooyise, wangcwatyelwa kwaSamari, ndawonye nookumkani bakwaSirayeli. UYarobheham, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
17Wadla ubomi uAmatsiya unyana kaYowashe, ukumkani wakwaYuda, iminyaka elishumi linesihlanu emva kokufa kukaYehohashe, unyana kaYehowahazi ukumkani wakwaSirayeli. 18Ezinye izinto zika-Amatsiya azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaYuda? 19Bamceba eYerusalem, wasabela eLakishe. Bamsukela, bamfumana eLakishe, bambulalela khona. 20Bamthwala ngamahashe, bamngcwabela eYerusalem kooyise emzini kaDavide.
21Bonke abantu bakwaYuda bamthabatha uAzariya, akubon' ukuba uminyaka ilishumi linamithandathu ezelwe, bamenza ukumkani esikhundleni sika-Amatsiya uyise. 22Yakhiwa nguye iElati, wayibuyisela kumaYuda, emveni kokuba ukumkani walalayo kooyise.
UYarobheham wesibini ngukumkani wamaSirayeli
23Ngomnyaka weshumi elinesihlanu ka-Amatsiya unyana kaYowashe, ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uYarobheham, unyana kaYehohashe ukumkani wakwaSirayeli, kwaSamari, iminyaka yamashumi mané anamnye. 24Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka ezonweni zonke zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli.
25Yena wawubuyisa umda wakwaSirayeli: wathabathela ekungeneni kweHamati, wesa kulwandle lweArabha, ngokwelizwi likaYehova uThixo wakwaSirayeli, awalithethayo ngomkhonzi wakhe uYona unyana ka-Amitayi, umprofeti waseGati-hefere. 26Ngokuba uYehova wakubona ukubandezelwa kwamaSirayeli ukuba kukrakra kakhulu, úphelile ovalelweyo, úphelile ovulelweyo, kungekho namncedi kwaSirayeli. 27UYehova akatshongo ukuthi, uya kulicima igama lamaSirayeli phantsi kwezulu; wawasindisa ke ngesandla sikaYarobheham unyana kaYehohashe.
28Ezinye izinto zikaYarobheham nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe awalwa ngabo, awayibuyisela ngabo iDamasko neHamati yakwaYuda kumaSirayeli, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? 29Walala uYarobheham kooyise, kookumkani bakwaSirayeli; uZekariya, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
Currently Selected:
OOKUMKANI II 14: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.