OOKUMKANI II 13

13
UYehowahazi ukumkani wamaSirayeli
1Ngomnyaka wamashumi omabini anamithathu kaYowashe unyana ka-Ahaziya, ukumkani wakwaYuda, waba ngukumkani uYehowahazi, unyana kaYehu, kumaSirayeli kwaSamari, iminyaka yalishumi elinesixhenxe.
2Wenza okubi emehlweni kaYehova, walandela izono zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli; akatyeka kuzo. 3Wavutha umsindo kaYehova kumaSirayeli, wawanikela esandleni sikaHazayeli ukumkani wakwa-Aram,• nasesandleni sikaBhenhadadi, unyana kaHazayeli, yonke imihla. 4UYehowahazi wambongoza uYehova; uYehova wamva ke; ngokuba wakubona ukuxinwa kwamaSirayeli; ngokuba ukumkani wama-Aram wayewaxinile. 5(UYehova wawanika amaSirayeli umsindisi, aphuma phantsi kwesandla sama-Aram; bahlala oonyana bakaSirayeli ezintenteni zabo, njengokwangaphambili; 6nakuba babengatyekanga ezonweni zendlu kaYarobheham awawonisa ngazo amaSirayeli, asuka ahamba kuzo; noAshera• wayesemi kwaSamari.) 7Ngokuba akamshiyelanga bantu uYehowahazi, yaba ngamashumi amahlanu abamahashe, neshumi leenqwelo zokulwa, neshumi lamawaka omqikela; ngokuba wabatshabalalisa ukumkani wakwa-Aram, wabenza baba njengothuli lokunyathelwa.
8Ezinye izinto zikaYehowahazi, nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? 9Walala uYehowahazi kooyise, bamngcwabela kwaSamari. UYehohashe, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
UYehohashe ukumkani wamaSirayeli
10Ngomnyaka wamashumi omathathu anesixhenxe kaYowashe ukumkani wakwaYuda, uYehohashe unyana kaYehowahazi waba ngukumkani wamaSirayeli kwaSamari, iminyaka elishumi elinamithandathu. 11Wenza okubi emehlweni kaYehova; akatyeka kwizono zonke zikaYarobheham unyana kaNebhati, awawonisa ngazo amaSirayeli; wasuka wahamba kuzo. 12Ezinye izinto zikaYehohashe, nako konke awakwenzayo, nobukroti bakhe awalwa ngabo noAmatsiya ukumkani wakwaYuda, azibhalwanga na encwadini yemicimbi yemihla yookumkani bakwaSirayeli? 13Walala uYehohashe kooyise; uYarobheham wahlala etroneni yakhe. UYehohashe wangcwatyelwa kwaSamari, kookumkani bakwaSirayeli.
Ukufa kukaElisha
14Ke kaloku uElisha wayesifa sisifo awayeza kufa siso. Wehla uYehohashe ukumkani wakwaSirayeli, waya kuye, walila phambi kwakhe, wathi, Bawo, bawo, nqwelo yokulwa yakwaSirayeli nabamahashe bakhe! 15UElisha wathi kuye, Thabatha isaphetha neentolo. Wasithabatha ke isaphetha neentolo. 16Wathi kukumkani wakwaSirayeli, Sityede isaphetha ngesandla sakho. Wasityeda ngesandla sakhe; uElisha wabeka ezakhe izandla ezandleni zokumkani, wathi, 17Vula ifestile ngasempumalanga; wayivula. Wathi uElisha, Tola; watola. Wathi, Huntshu, utolo losindiso lukaYehova! Utolo losindiso oluchase ama-Aram! Ùya kutsho ngalo kuma-Aram eAfeki ade aphele. 18Wathi, Zithabathe iintolo; wazithabatha. Wathi kukumkani wakwaSirayeli, Tola emhlabeni; watsho izihlandlo zazithathu, wayeka. 19Wesuka umfo wakwaThixo, wanoburhalarhume ngakuye, wathi, Unge utsho izihlandlo zazihlanu, nokuba zithandathu; ukuze ube ùya kutsho kuma-Aram ade aphele; useluya kutsho kuma-Aram izihlandlo zibe zithathu kuphela.
20Wafa uElisha, bamngcwaba. Ke amatutu amaMowabhi ebedla ngokulingenela ilizwe, ukuthwasa komnyaka; 21kwathi, bengcwaba indoda, babona ngamatutu evela; bayiphosa indoda leyo engcwabeni likaElisha. Ithe indoda leyo yakufika emathanjeni kaElisha, yasuka yaphila, yema ngeenyawo.
Ukufa kukaHazayeli wakwa-Aram
22Ke kaloku uHazayeli, ukumkani wama-Aram, wayewaxinile amaSirayeli yonke imihla kaYehowahazi. 23UYehova wawababala, wasikwa yimfesane ngawo, wawabheka ngenxa yomnqophiso wakhe noAbraham noIsake noYakobi; àkavuma ukuwonakalisa nokuwalahla ebusweni bakhe unangoku. 24Wafa uHazayeli ukumkani wama-Aram; uBhenhadade, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe. 25Wabuya uYehohashe unyana kaYehowahazi, wayithimba imizi kuBhen-hadade unyana kaHazayeli, awayeyithimbe yena kuYehowahazi uyise ngemfazwe. UYehohashe wamgxotha izihlandlo zazithathu wayibuyisa imizi yakwaSirayeli.

Currently Selected:

OOKUMKANI II 13: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena