IZIKRONIKE II 5

5
1Wagqitywa ke wonke umsebenzi awawenzela indlu kaYehova uSolomon. USolomon wazingenisa izinto abezingcwalisile uDavide uyise, nesilivere, negolide, nempahla yonke, wazibeka ebuncwaneni bendlu kaThixo.
Ukusiwa kwetyeya etempileni
2Waza uSolomon wawabizela ndawonye amadoda amakhulu akwaSirayeli, neentloko zonke zezizwe, nezikhulu zezindlu zooyise zakoonyana bakaSirayeli, eYerusalem, ukuba bayinyuse ityeya yomnqophiso kaYehova emzini kaDavide; yiZiyon ke leyo. 3Abizelwa ndawonye kukumkani onke amadoda akwaSirayeli emthendelekweni lowo wenyanga yesixhenxe.
4Eza ke onke amadoda amakhulu akwaSirayeli. Bayithwala abaLevi ityeya, bayinyusa ityeya, 5nentente yokuhlangana, neempahla zonke zengcwele, ezibe zisententeni, bazinyusa ababingeleli nabaLevi. 6Ke ukumkani uSolomon, nebandla lonke lamaSirayeli, elibe lihlanganiselwe kuye phambi kwetyeya, babingelela impahla emfutshane neenkomo ezingenakubalwa, ezingenakulinganiswa ukuba zininzi kwazo.
7Bayingenisa ababingeleli ityeya yomnqophiso kaYehova endaweni yayo, endaweni yezihlabo endlwini, engcweleni kangcwele, phantsi kwamaphiko eekerubhi;• 8ngokuba iikerubhi zaye ziwolule amaphiko phezu kwendawo yetyeya; iikerubhi zayisithelisa ityeya nezibonda zayo ngaphezulu. 9Zazizide izibonda, zibonakala iincam zezibonda, zivelile etyeyeni phambi kwendawo yezihlabo, àzabonakala ngaphandle; zisekhona unanamhla. 10Kwakungekho nto etyeyeni, yayingaloo macwecwe mabini kuphela, wawabekayo kuyo uMoses eHorebhe, oko uYehova wanqophisana noonyana bakaSirayeli ekuphumeni kwabo eYiputa.
11Kwathi ekuphumeni kwababingeleli engcweleni (ngokuba bonke ababingeleli abafumanekáyo babezingcwalisile; akaba nakugcinwa amaqela; 12nabaLevi abaziimvumi, bonke bephela bona aba, ooAsafu, noHeman, noYedutun, noonyana babo, nabazalwana babo, bambethe ilinen ecikizekileyo, benamacangci nemirhubhe neehadi, bema ngasempumalanga esibingelelweni, benekhulu elinamanci mabini lababingeleli bevuthela ngamaxilongo); 13kwathi ke abavutheli bamaxilongo neemvumi bavakalisa njengamntu mnye, ngazwi-nye, bedumisa, bebulela kuYehova. Bathi ke bakuphakamisa ilizwi ngamaxilongo, nangamacangci, nangeempahla zokuvuma, nangokumdumisa uYehova, besithi, Úlungile, inceba yakhe ingunaphakade: yesukaindlu yazala lilifu lendlu kaYehova; 14ababingeleli ababa nakuma balungiselele, ngenxa yelifu; ngokuba ubuqaqawuli bukaYehova bayizalisa indlu kaThixo.

Currently Selected:

IZIKRONIKE II 5: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena