KUTIMOTI I 5
5
1Indoda enkulu musa ukuyithethisa kabukhali, yiyale njengoyihlo; amancinane, njengabazalwana; 2abafazi abakhulu, njengoonyoko; abancinane, njengoodade, unobunyulu bonke.
Ukuphathwa kwabahlolokazi abasebandleni
3Babeke abahlolokazi abangabahlolokazi ngenene. 4Ke ukuba kukho mhlolokazi uthile unabantwana, nokuba ngabazukulwana, ukuqala mabafunde ukuhlonela elabo ikhaya, bababuyekezele umbuyekezo ooninakhulu; kuba oko kuhle, kwamkelekile emehlweni kaThixo. 5Ke yena ongumhlolokazi ngenene, eshiywe yedwa, uthembela kuThixo; uhlala ehleli ekukhungeni nasemithandazweni ubusuku nemini. 6Kodwa yena oxhamla iziyolo ufile, nakuba ngathi udla ubomi. 7Bathethele ezi zinto, ukuze bangabi nakukhalazeleka. 8Ukuba ke umntu akabakhathalele abakhe, ngokukodwa abendlu yakhe, ulukhanyele ukholo, unobubi ngaphezu kongakholwayo.
9Makangabalelwa enanini labahlolokazi umhlolokazi ongaphantsi kweminyaka emashumi mathandathu; owayengumfazi wandoda-nye, 10engqinelwe ngemisebenzi emihle, ukuba wondlé abantwana, ukuba wamkéle iindwendwe, ukuba uzihlambile iinyawo zabangcwele, ukuba ubasizile ababandezelweyo, ukuba usukelene nemisebenzi yonke elungileyo.
11Ke bona abahlolokazi abatsha bamangale; kuba xa bathe badimala nguKristu, bothanda ukwenda; 12benesigwebo sokuba balutshitshisile ukholo lokuqala. 13Kunye noko ke bafunda ukungasebenzi nto, bethungelana nezindlu; banganeli kungasebenzi nto kodwa, basuka kananjalo babe ngamapholopholo, bazifake kwizinto zabanye, bathethe izinto ezingafanelekileyo. 14Ngoko ndinga abahlolokazi abatsha bangenda, bazale, babe ngabanikazi-mizi, bangamniki ochasayo nalinye ithuba lokutshabhisa. 15Kuba inxenye iseyiphambukele emva koSathana.
16Ukuba kukho ikholwa, nokuba likholwakazi, elinabahlolokazi, malibasize, lize ibandla lingasindwa, ukuze lona lisize abangabahlolokazi ngenene.
Amadoda amakhulu
17Amadoda amakhulu, awongamela kakuhle, makabalelwe ekuthini afanelwe yimbeko ephindwe kabini, ngokukodwa lawo abulalekayo elizwini nasemfundisweni. 18Kuba sítsho isibhalo ukuthi, Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula; nokuthi, Umsébenzi uwufanele umvuzo wakhe. 19Ukumangalelwa kwendoda enkulu musa ukukwamkela, kungabangakho mangqina mabini nokuba mathathu. 20Abo bonayo, bohlwaye emehlweni abantu bonke, ukuze nabanye aba babe nokoyika.
21Ndiyakuqononondisa emehlweni kaThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, nezithunywa zezulu ezinyuliweyo, ukuba uzigcine ezi zinto ungaqali ugwebe, ungenzi nto ngokwayama bani. 22Ungangxami ubeke izandla phezu kukabani, kanjalo ungadlelani nabanye ngezono zabo; zigcine nyulu. 23Musa ukuba sasela manzi; sela intwana yewayini, ngenxa yesisu sakho, nobulwelwe bakho obufuthi.
24Izono zabanye abantu zisekuhleni kanye, ziyandulela ukuya emgwebeni; abanye ke ziyabalandela nokubalandela. 25Kwangokunjalo nemisebenzi emihle isekuhleni kanye, naleyo ingenjalo ayinako ukufihlakala.
Currently Selected:
KUTIMOTI I 5: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.