KUTIMOTI I 3

3
Abaveleli
1Lithembekile ilizwi eli lithi, Ukuba ubani ungxamele ubuveleli, unqwenela umsebenzi omhle. 2Umveleli ngoko umelwe kukuthi abe ngongenakukhalazelwa, eyindoda yamfazi mnye, eyingcathu, enesidima, ezibekile, ebuka iindwendwe, enokufundisa; 3engàgeziswa yiwayini, engembethi, engemngxameli wanzuzo imbi. Makabe ngothantamisayo, engalwi, engemthandi wamali; 4eyongamele kakuhle eyakhe indlu, abantwana bakhe bemthobele, benokundileka konke 5(kuba ukuba umntu akakwazi ukuyongamela eyakhe indlu, angathini na ukuphatha ibandla likaThixo?); 6angabi ngosandula ukungeniswa, ukuze angàthiwa lwale likratshi, eyele ekugwetyweni koMtyholi. 7Kanjalo ke umelwe kukuthi abe nobungqina obuhle obuvela kwabangaphandle, ukuze angeyeli engcikivweni nasesibatheni soMtyholi.
8Kwangokunjalo abalungiseleli bamelwe kukuba nokundileka, bangabi ntlolela yombini, bangazinikeli kwiwayini eninzi, bangangxameli nzuzo imbi; 9mababe nemfihlo yokholo esazeleni esihlambulukileyo. 10Nabo aba ke mabacikidwe ukuqala; bandule ke ukulungiselela, bengabangénakumangaleleka.
11Kwangokunjalo abafazi bamelwe kukuba nokundileka, bangabi ngabahlebi; mababe ziingcathu, bathembeke ezintweni zonke.
12Abalungiseleli mababe ngamadoda abafazi ngabanye, besongamela kakuhle abantwana nezindlu ezizezabo. 13Kuba abo balungiselele kakuhle, bazizuzela isimo esihle, nokungafihlisi okukhulu ekukholweni, okukuKristu Yesu.
14Ezi zinto ndizibhala kuwe, ndithembe ukuba ndiya kuza kuwe kamsinya. 15Ukuba ke ndithe ndalíbala, ndikubhalela ukuze wazi, ukuba kumelwe kukuthiwani na ukuhanjwa endlwini kaThixo, yona ilibandla likaThixo ophilileyo, intsika nesiseko sayo inyaniso. 16Kananjalo, ngokuvunyiweyo, inkulu imfihlelo yona leyo yokuhlonela uThixo: lowo wàbonakalaliswa esenyameni, wagwetyelwa esemoyeni, wabonakala kwizithunywa zezulu, wavakaliswa phakathi kweentlanga, kwakholwa kuye ehlabathini, wenyuswa waba sebuqaqawulini.

Currently Selected:

KUTIMOTI I 3: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena