USAMUWELI I 28

28
USawule nenkazana eneshologu e-Endore
1Kwathi ngaloo mihla, amaFilisti ayihlanganisa yonke imikhosi yawo, ukuze aphume umkhosi aye kulwa namaSirayeli. Wathi uAkishe kuDavide, Yazi ngokuqinisekileyo ukuba ùya kuphuma nomkhosi wam, wena namadoda akho. 2Wathi uDavide kuAkishe, Kaloku ùya kuyazi into eya kwenziwa ngumkhonzi wakho. Wathi uAkishe kuDavide, Ngoko ke ndokumisa ube ngumgcini wentloko yam imihla yonke.
3Ke kaloku uSamuweli ubeselefile; abemmbambazelele onke amaSirayeli; abemngcwabele eRama, emzini wakhe. USawule ebebagxothile ezweni abaneshologu noosiyazi.
4Ahlanganisana ke amaFilisti, aya amisa eShunem. Wawahlanganisa uSawule amaSirayeli onke, amisa eGilibhowa. 5Wayibona uSawule impi yamaFilisti, woyika; yagubha intliziyo yakhe kunene. 6Wabuza uSawule kuYehova; uYehova akamphendula nangamaphupha, nangeeUrim,• nangabaprofeti.
7Wathi uSawule kubakhonzi bakhe, Ndifuneleni inkazana eneshologu, ndiye kuyo, ndibuze kuyo. Bathi kuye abakhonzi bakhe, Nantsiya inkazana eneshologu e-Endore. 8USawule wazenza mntu wumbi, wambatha ngubo zimbi, waya enamadoda amabini. Baya bafika kwinkazana leyo ebusuku. Wathi, Khawundivumisele ngeshologu lakho, undinyusele lowo ndiya kuthetha yena kuwe. 9Yathi inkazana leyo kuye, Yabona ùyakwazi nawe akwenzileyo uSawule, ukuba ubanqamle ezweni abaneshologu noosiyazi; yini na ukuba uwuthiyele umphefumlo wam, ukuze ndibulawe. 10USawule wayifungela uYehova, esithi, Ehleli nje uYehova, inene, akuyi kuba natyala ngale ndawo.
11Yathi inkazana, Ndíkunyusele bani na? Wathi, Ndinyusele uSamuweli. 12Yambona inkazana uSamuweli, yakhala ngezwi elikhulu. Yatsho inkazana leyo kuSawule, ukuthi, Yini na ukuba undikhohlise? ÚnguSawule wena. 13Wathi ukumkani kuyo, Musa ukoyika. Uboné ntoni na? Yathi inkazana kuSawule, Ndibona umnyanya unyuka uphuma emhlabeni. 14Wathi kuye, Únjani na ukumila kwawo? Yathi inkazana, Kunyuke indoda enkulu, ithe wambu ingubo yokwaleka. Wazi ke uSawule ukuba nguSamuweli lowo. Wathoba ngobuso emhlabeni, waqubuda.
15Wathi uSamuweli kuSawule, Yini na ukuba undigungqise, undinyuse? Wathi uSawule, Ndibandezelekile kakhulu; amaFilisti alwa nam, uThixo umkile kum, akasandiphenduli nangabaprofeti nangamaphupha; ndikubizéle ukuba undazise into endingayenzayo.
16Wathi uSamuweli, Yini na ukuba undibuze, uYehova emkile nje kuwe, waba lutshaba lwakho? 17UYehova uzenzele njengoko wakuthethayo ngam: uYehova ubukrazule esandleni sakho ubukumkani, wabunika ummelwane wakho uDavide. 18Ngokuba ungaliphulaphulanga izwi likaYehova, ungenzanga njengokuvutha komsindo wakhe kuma-Amaleki, ngenxa yoko uYehova uyenzile le nto kuwe namhla. 19Úwanikele uYehova namaSirayeli kunye nawe esandleni samaFilisti. Ngomso wena noonyana bakho niya kuba nam; nomkhosi wamaSirayeli uYehova uya kuwunikela esandleni samaFilisti.
20Wawa kwaoko uSawule emhlabeni, waqungquluza, woyika kunene ngamazwi kaSamuweli; akwabakho namandla kuye; ngokuba ubengadlanga kudla imini yonke nobusuku bonke. 21Yeza inkazana leyo kuSawule, yabona ukuba ukhwankqe kunene. Yathi kuye, Yabona, umkhonzazana wakho uliphulaphule izwi lakho, ndawenza isichenge umphefumlo wam, ndaweva amazwi akho owathetháyo kum. 22Khawuliphulaphule nawe ngoko izwi lomkhonzazana wakho; makhe ndibeke iqhekeza lesonka phambi kwakho, udle, ube namandla xa uhamba indlela. 23Akavuma ke; wathi, Andiyi kudla. Bamzama abakhonzi bakhe kwanenkazana leyo. Waliphulaphula izwi labo, wavuka ke emhlabeni, wahlala elukhukweni. 24Ke kaloku inkazana leyo yayinethole elityetyisiweyo endlwini; yangxama, yalixhela; yathabatha umgubo ocoliweyo, yawuxovula, yosa izonka ezingenagwele ngawo. 25Yabeka phambi koSawule naphambi kwabakhonzi bakhe. Badla, besuka ke, bahamba ngobo busuku.

Currently Selected:

USAMUWELI I 28: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena