KAPETROS I 3:1-7

KAPETROS I 3:1-7 XHO75

Ngokunjalo, nina bafazi, wathobeleni awenu amadoda, ukuze kuthi, nokuba kukho kuwo angalivayo ilizwi, athi ngehambo yabafazi, lingekho ilizwi, azuzeke; ebonela ihambo yenu enyulu, enoloyiko. Ukuhomba kwenu makungabi kokwangaphandle, kokulukwa kweenwele, nokunxitywa kwegolide, nokwambathwa kweengubo; makube kokomntu ofihlakeleyo wentliziyo, ovethe ukungonakali, umoya onobulali, ozolileyo, oxabiso likhulu emehlweni kaThixo. Kuba babefudula besenjenjalo abafazi abangcwele, abo babemthembile uThixo, ukuhomba kwabo, bewathobele awabo amadoda; njengokuba uSara wamlulamelayo uAbraham, embiza ngokuthi yinkosi; eningabantwana bakhe nina, nákuba nisenza okulungileyo, ningoyiki nto yethusayo. Ngokunjalo, nina madoda, hlalani nabo ngokokwazi, nimbeka umfazi, njengesona sitya siethe-ethe, njengeendlalifa kunye nani zobabalo lobomi, ukuze imithandazo yenu ingathinteleki.