OOKUMKANI I 3
3
USolomon unyula ubulumko
1USolomon ke wákha ubuhlobo noFaro ukumkani wamaYiputa; wazeka intombi kaFaro, wayizisa emzini kaDavide, wada wayigqiba ukuyakha indlu yakhe, nendlu kaYehova, nodonga lwaseYerusalem ngeenxa zonke. 2Kodwa ke abantu babebingelela ezigangeni; ngokuba belingekakhelwa ndlu igama likaYehova, kwada kwayiloo mihla. 3USolomon ubemthanda uYehova, ehamba emimiselweni kaDavide uyise; kodwa ke ubebingelela eqhumisela ezigangeni yena.
4Ukumkani ubesiya eGibheyon, ukuba abingelele khona; ngokuba ibisiso isigánga esikhulu; uSolomon wenyusa iwaka lamadini anyukayo kweso sibingelelo. 5UYehova wabonakala kuSolomon eGibheyon apho ngephupha ebusuku, wathi uThixo, Cela into, ndikuphe.
6Wathi uSolomon, Wena wenza inceba enkulu kumkhonzi wakho uDavide ubawo, njengoko abehamba phambi kwakho enyanisweni, nasebulungiseni, nangokuthi tye kwentliziyo kuwe, wamgcinela le nceba inkulu, wamnika unyana ohleli etroneni yakhe, njengokuba kunjalo namhla. 7Kaloku, Yehova Thixo wam, wena umenzé umkhonzi wakho lo wangukumkani esikhundleni sikaDavide ubawo; ndingumntwana omncinane; andikwazi ukuphuma nokungena. 8Umkhonzi wakho lo uphakathi kwabantu bakho obanyulileyo, abantu abaninzi, abangenakubalwa, abangenakuxelwa ukuba baninzi. 9Mnike umkhonzi wakho intliziyo evayo, yokubalawula abantu bakho, ahlule phakathi kokulungileyo nokungendawo; ngokuba ngubani na onako ukubalawula abantu bakho aba bangaka?
10Lalunga elo lizwi emehlweni eNkosi ukuba uSolomon acele loo nto. 11Wathi ke uThixo kuye, Ngenxa enokuba ucelé le nto, akwazicelela imihla emininzi, akwazicelela ubutyebi, akwazicelela ubomi beentshaba zakho, wazicelela ukuqonda ukuba uwathethe amatyala: uya bona, ndenzé ngokwelizwi lakho. 12Uyabona, ndikunikile intliziyo enobulumko enokuqonda, ekungabangakho unjengawe phambi kwakho, ekungayi kuvela unjengawe emva kwakho. 13Kananjalo oko ungàkucelanga ndikunikile nako, kwaubutyebi nozuko, ukuba kungabikho mntu unjengawe phakathi kookumkani yonke imihla yakho. 14Ke ukuba uthe wahamba ngeendlela zam, ngokuyigcina imimiselo yam nemithetho yam, njengoko wahamba ngako uDavide uyihlo, ndoyolula imihla yakho.
15Wavuka uSolomon, O! liphupha. Waya ke eYerusalem, wema phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova, wenyusa amadini anyukayo, wenza imibingelelo yokubulela, wabenzela isidlo abakhonzi bakhe bonke.
16Ngelo xesha kweza kukumkani amankazana amabini angamahenyukazi, ema phambi kwakhe. 17Yathi enye inkazana, Camagu, nkosi yam! Thina nale nkazana sihlala ndlwini-nye; ndazala, ndinayo kuloo ndlu. 18Kwathi ngosuku lwesithathu ndizele, yazala nayo le nkazana, sindawonye ke; kwaye kungekho mntu wasemzini unathi kuloo ndlu, sisodwa thina sobabini kuloo ndlu. 19Wafa unyana wale nkazana ebusuku, ngokusuka ilale phezu kwakhe. 20Yavuka phakathi kobusuku, yamthabatha unyana wam ecaleni lam, elele umkhonzazana wakho lo, yamlalisa esifubeni sayo, yathi unyana wayo ofileyo yamlalisa esifubeni sam. 21Ndavuka kusasa, ukuba ndimanyise unyana wam, O! ufile; ndaza ndamgqala kusasa, yini le, asingunyana wam endamzalayo.
22Yathi enye inkazana, Hayi, ngunyana wam lo uhleliyo, unyana wakho ngulowa ufileyo. Yathi le, Hayi; unyana wakho ngulowa ufileyo, unyana wam ngulo uhleliyo. Benjenjalo ukuthetha phambi kokumkani.
23Wathi ukumkani, Le ithi, Ngunyana wam lo uhleliyo, unyana wakho ngulowa ufileyo; leya ithi, Hayi, unyana wakho ngulowa ufileyo, ngunyana wam lo uhleliyo. 24Wathi ukumkani, Ndithabatheleni ikrele. Balizisa ke ikrele phambi kokumkani. 25Wathi ukumkani, Mcandeni kubini lo mntwana uhleliyo, niyinike isahlulo enye, niyinike isahlulo enye.
26Yathetha le nkazana, ungowayo unyana ohleliyo, kukumkani (ngokuba ibisikwa yimfesane ngonyana wayo), yathi, Camagu, nkosi yam, seniyinika lo mntwana uhleliyo; musani ukumbulala afe. Ke enye le yathi, Makangabi ngowam, makangabi ngowakhe; mcandeni. 27Waphendula ukumkani, wathi, Mnikeni leya umntwana ohleliyo, ningàmbulali; nguye unina. 28Asiva onke amaSirayeli isigwebo agwebé ngaso ukumkani; amoyika ukumkani; ngokuba ayebona ukuba ubulumko bukaThixo buphakathi kwakhe, ukuba enze isigwebo.
Currently Selected:
OOKUMKANI I 3: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.