Ke ngezipho ezizezoMoya, bazalwana, andithandi ukuba ningàzi. Niyazi ukuba nibe ningabeentlanga, nikhukuliselwe ezithixweni ezingenakuthetha, njengoko nisakuthi nikhokelwe ngako. Kungoko ndinazisayo, okokuba akukho namnye, ethetha ekuMoya kaThixo, unokuthi ungosingelwe phantsi uYesu; kanjalo akukho namnye unako ukuthi úyiNkosi uYesu, engekuye uMoya oyiNgcwele. Ke kaloku kukho izabelo ngezabelo zezibabalo, kodwa ke ikwanguloo Moya mnye. Kukho nezabelo ngezabelo zezilungiselelo, phofu ikwayiloo Nkosi inye. Kukho nezabelo ngezabelo zeentsebenzo, kodwa ke ikwanguloo Thixo mnye uzisebenzayo izinto zonke kubo bonke. Elowo ke uphiwa ukubonakalalisa uMoya, kuze kubekho okulungele bonke; kuba omnye okunene uphiwa ngaye uMoya ilizwi lobulumko; kodwa ke omnye, ilizwi lokwazi kwangokwaloo Moya
Funda KWABASEKORINTE I 12
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: KWABASEKORINTE I 12:1-8
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo