IZIKRONIKE I 25
25
Iimvumi zetempile nabagwali
1UDavide nabathetheli-mkhosi babahlulela inkonzo oonyana baka-Asafu noHeman noYedutun, baprofeta ngeehadi nangemirhubhe nangamacangci. Inani lawo la madoda asebenzela inkonzo yawo laba leli:
2Koonyana baka-Asafu: nguZakure, noYosefu, noNetaniya, noAsharela; oonyana baka-Asafu bephethwe nguAsafu, beprofeta, bephethwe ngokomyalelo wokumkani.
3KuYedutun: oonyana bakaYedutun nguGedaliya, noTseri, noYeshaya, noHashabhiya, noMatitiya, bebathandathu, bephethwe nguyise uYedutun, eprofeta ngohadi, ebulela edumisa uYehova.
4KuHeman: oonyana bakaHeman nguBhukiya, noMataniya, noUziyeli, noShebhuweli, noYerimoti, noHananiya, noHanani, noEliyata, noGidaleti, noRomati-ezere, noYoshebhekasha, noMaloti, noHotire, noMahaziyoti. 5Bonke aba babengoonyana kuHeman, imboni yokumkani emazwini kaThixo, ukuba aluphakamise uphondo. UThixo wamnika uHeman oonyana abalishumi elinabané, neentombi ezintathu. 6Bonke abo babephethwe nguyise ekuvumeni endlwini kaYehova, benamacangci, nemirhubhe, neehadi, bekhonza endlwini kaThixo, bephethwe ngokomyalelo wokumkani, noAsafu, noYedutun, noHeman.
7Inani labo kunye nabazalwana babo ababefundisiwe ukuvuma iingoma zikaYehova, bonke abakwaziyo, lalingamakhulu amabini anamanci asibhozo anesibhozo. 8Bawisa amaqashiso esigxina: njengoko anjalo omncinane, wanjalo omkhulu, okwaziyo kunye nofundiswayo.
9Iqashiso lokuqala laphuma ngoAsafu, noYosefu: yena, nabazalwana bakhe, noonyana bakhe, baba lishumi elinababini; iqashiso lesibini noGedaliya: yena nabazalwana bakhe noonyana bakhe baba lishumi elinababini; 10elesithathu noZakure: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe, baba lishumi elinababini; 11elesiné noItseri: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 12elesihlanunoNetaniya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 13elesithandathu noBhukiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 14elesixhenxe noYesharela: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 15elesibhozo noYeshaya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 16elesithoba noMataniya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 17eleshumi noShimehi: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 18eleshumi elinanye noAzareli: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 19eleshumi elinesibini noHashabhiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 20eleshumi elinesithathu noShubhayeli: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 21eleshumi elinesiné noMatitiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 22eleshumi elinesihlanu noYeromoti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 23eleshumi elinesithandathu noHananiya: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 24eleshumi elinesixhenxe noYoshebhekasha: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 25eleshumi elinesibhozo noHanani; yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe, baba lishumi elinababini; 26eleshumi elinesithoba noMaloti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 27elamashumi omabini noEliyata: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 28elamashumi omabini analinye noHotire; yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 29elamashumi omabini anesibini noGidaleti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 30elamashumi omabini anesithathu noMahaziyoti: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini; 31elamashumi omabini anesiné noRomamti-ezere: yena noonyana bakhe nabazalwana bakhe baba lishumi elinababini.
Currently Selected:
IZIKRONIKE I 25: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.