IZIKRONIKE I 16
16
Ingoma kaDavide yombulelo
1Bayingenisa ityeya kaThixo, bayimisa esazulwini sentente abeyimisele yona uDavide; basondeza amadini anyukayo, nemibingelelo yoxolo, phambi koThixo. 2Wagqiba ke uDavide ukunyusa amadini anyukayo, nemibingelelo yoxolo, wabasikelela abantu egameni likaYehova. 3Wababela bonke abantu bakwaSirayeli, ethabathela kwindoda wesa nakumfazi; elowo wamnika intenda yesonka, nomlinganiso wewayini, nesicumba seerasintyisi.
4Wamisa phambi kwetyeya kaYehova abalungiseleli kubaLevi, ukuba bakhumbuze, babulele, badumise uYehova uThixo kaSirayeli. 5YanguAsafu intloko, yanguZekariya emva kwakhe, noYehiyeli, noShemiramoti, noYehiyeli, noMatitiya, noEliyabhi, noBhenaya, no-Obhedi-edom, noYahaziyeli, ngeempahla zemirhubhe nangeehadi; uAsafu wenza isandi ngamacangci. 6OoBhenaya noYahaziyeli ababingeleli benza isandi ngamaxilongo ngamaxesha onke, phambi kwetyeya yomnqophiso kaThixo.
7Waza ngaloo mini uDavide wabamisela kuqala ooAsafu nabazalwana bakhe ukubulela kuYehova:
8Bulelani kuYehova, nqulani igama lakhe,
Yazisani ezizweni izenzo zakhe ezincamisileyo.
9Vumani kuye, mbetheleni uhadi,
Xoxani ngemisebenzi yakhe yonke ebalulekileyo.
10Qhayisani ngegama lakhe elingcwele,
Mayivuye intliziyo yabamngxameleyo uYehova.
11Mfuneni uYehova namandla akhe,
Ngxamelani ubuso bakhe ngamaxesha onke.
12Khumbulani imisebenzi yakhe ebalulekileyo, awayenzayo,
Izimanga zakhe nezigwebo zomlomo wakhe,
13Mbewu kaSirayeli, yomkhonzi wakhe,
Nyana bakaYakobi, banyulwa bakhe.
14NguYehova, nguThixo wethu yena;
Zisehlabathini lonke izigwebo zakhe.
15Khumbulani ngonaphakade umnqophiso wakhe,
Ilizwi awalimisela izizukulwana eziliwaka,
16Awanqophisana ngalo noAbraham;
Nokufunga kwakhe kuIsake;
17Nokumisa kwakhe ukuba kube ngummiselo kuYakobi,
Kube ngumnqophiso ongunaphakade kuSirayeli;
18Esithi, Ndikunika ilizwe lakwaKanan,
Libe licandelo lelifa lenu,
19Nisengamadoda ambalwa,
Nibancinane, ningábaphambukeli kulo.
20Báhamba besuka kolunye uhlanga, baye kolunye uhlanga;
Besuka kobunye ubukumkani, baye kwabanye abantu.
21Àkavumela mntu ukuba abacudise,
Wohlwaya ookumkani ngenxa yabo,
22 Esithi, Musani ukubachukumisa abathanjiswa bam,
Musani ukubaphatha kakubi abaprofeti bam.
23Vumani kuYehova, nonke hlabathi,
Shumayelani iindaba ezilungileyo zosindiso lwakhe iimini ngeemini.
24Balisani ezintlangeni zonke uzuko lwakhe,
Balisani ezizweni zonke imisebenzi yakhe ebalulekileyo.
25Ngokuba mkhulu uYehova, engowokudunyiswa kunene;
Uyoyikeka ngaphezu koothixo bonke,
26Ngokuba bonke oothixo bezizwe àbanto zanto;
UYehova yena wenza amazulu.
27Yindili nobungangamela phambi kwakhe,
Ngamandla novuyo endaweni yakhe engcwele.
28Mnikeni uYehova, nina mizalwane yezizwe,
Mnikeni uYehova uzuko namandla.
29Mnikeni uYehova uzuko lwegama lakhe;
Zisani umnikelo, nime phambi kwakhe;
Mnquleni uYehova, nivethe ezingcwele.
30Thuthumelani phambi kwakhe, nonke hlabathi;
Elimiweyo liya kuzinza ngoko, lingashukumi.
31Malivuye izulu, ligcobe ihlabathi,
Makuthiwe ezintlangeni, UYehova ngukumkani.
32Malugqume ulwandle nokuzala kwalo;
Malidlamke ilizwe, nento yonke ekulo,
33Ize imemelele imithi yehlathi phambi koYehova;
Ngokuba esiza kuligweba ihlabathi.
34Bulelani kuYehova ngokuba elungile,
Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
35Yithini, Sisindise, Thixo osisindisayo,
Usibuthe, usihlangule ezintlangeni,
Ukuze sibulele igama lakho elingcwele,
Sizingce ngendumiso yakho.
36Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli,
Kususela kwaphakade, kude kuse ephakadeni!
Bathi ke bonke abantu, Amen, bamdumisa uYehova.
37Wabashiya apho phambi kwetyeya yomnqophiso kaYehova ooAsafu nabazalwana bakhe, ukuba balugiselele phambi kwetyeya ngamaxesha onke, ngokwento yemini ngangemini yayo; 38noo-Obhedi-edom nabazalwana babo, bemashumi mathandathu anesibhozo; uObhedi-edom, unyana kaYedutun, noHosa bengabamasango. 39UTsadoki umbingeleli, nabazalwana bakhe abangababingeleli, babephambi komnquba kaYehova esigangeni esiseGibheyon, 40ukuba banyuse amadini anyukayo kuYehova esibingelelweni sedini elinyukayo amaxesha onke, kusasa nangokuhlwa, njengako konke okubhaliweyo emyalelweni kaYehova, awawumisela amaSirayeli. 41Babenabo ooHeman noYedutun, nabanye abanyulwa, abo babekhankanywe ngamagama, ukuba babulele kuYehova, ngokuba ingunaphakade inceba yakhe; 42benooHeman noYedutun, benamaxilongo, namacangci, abo benza isandi beneempahla zokuvuma zikaThixo; oonyana bakaYedutun bengabamasango.
43Bahamba bonke abantu, elowo waya endlwini yakhe; wabuya ke uDavide, weza kusikelela indlu yakhe.
Currently Selected:
IZIKRONIKE I 16: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.