IZIKRONIKE I 10
10
Ukoyiswa kukaSawule nokufa kwakhe
1Ke kaloku amaFilisti alwa namaSirayeli; asaba amadoda akwaSirayeli phambi kwamaFilisti, awa engxwelerhiwe ezintabeni zaseGilibhowa. 2AmaFilisti athana mbende noSawule noonyana bakhe. AmaFilisti ambulala uYonatan, noAbhinadabhi, noMalekishuwa, oonyana bakaSawule. 3Yanzima imfazwe kuSawule. Bamfumana abatoli, wathuthumela ngenxa yabatoli. 4Wathi uSawule kumphathi weentonga zakhe, Rhola ikrele lakho, undihlabe ngalo, hleze beze aba bangalukileyo, bafekethe ngam. Àkavuma umphathi weentonga zakhe, ngokuba ubesoyika kakhulu. Walithabatha uSawule ikrele, waziwisa phezu kwalo. 5Uthe umphathi weentonga zakhe, akubona ukuba ufile uSawule, waziwisa naye phezu kwekrele lakhe, wafa.
6Wafa ke uSawule, noonyana bakhe abathathu, nendlu yakhe yonke; bafa kunye. 7Athi onke amadoda akwaSirayeli abesentilini leyo, akubona ukuba kusatyiwe, ukuba ufile uSawule noonyana bakhe, ayilahla imizi yawo, asaba; eza ke amaFilisti, ahlala kuyo.
8Kwathi ngengomso, amaFilisti eza kubhunyula ababuleweyo, amfumana uSawule noonyana bakhe bewile ezintabeni zaseGilibhowa. 9Ambhunyula, ayisusa intloko yakhe neentonga zakhe, athumela ezweni lamaFilisti ngeenxa zonke, ukuba aluxele olu daba lumnandi kwizithixo zabo nasebantwini. 10Azibeka iintonga zakhe endlwini yezithixo zawo, ukakayi lwakhe alubethelela endlwini kaDagon.
11Beva bonke abaseYabheshe yaseGiliyadi konke awakwenzayo amaFilisti kuSawule, 12esuka onke amadoda anobukroti, asithwala isidumbu sikaSawule nezidumbu zoonyana bakhe, azizisa eYabheshe. Awangcwaba amathambo abo phantsi komterebhinti• eYabheshe, azila ukudla imihla yasixhenxe.
13Wafa ke uSawule ngokumeneza kwakhe, awameneza ngako kuYehova, ezwini likaYehova angaligcinanga; kwanangokubuzisa kwakhe koneshologu, ngokuquqela kuye, 14akaquqela kuYehova; wambulala ke, wabuguqulela ubukumkani kuDavide unyana kaYese.
Currently Selected:
IZIKRONIKE I 10: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.