1
Isityilo sika‐Johane 21:4
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Kanjalo UTIXO uya kusula zonke inyembezi emehlweni abo: nokufa akuyi kuba seko; nosizi, nokulila, nobuhlungu abuyi kuba seko: ngokuba izinto zokuqala zimkile.
Thelekisa
Phonononga Isityilo sika‐Johane 21:4
2
Isityilo sika‐Johane 21:5
Waza watsho lowo uhleli pezu kwayo iterone ukuti: Bona ke, ndizenza ntsha zonke izinto. Wayesiti kum: Ba̔la; kuba lamazwi eyinyaniso eyinene.
Phonononga Isityilo sika‐Johane 21:5
3
Isityilo sika‐Johane 21:3
Ndaza ndeva ilizwi elikulu livela ezulwini, lisiti: Bona ke, itabanakele KATIXO inabantu, waeya kuhlala nabo; bona boba ngabantu bake, naye UTIXO ngokwake woba nabo, e NGUTIXO wabo.
Phonononga Isityilo sika‐Johane 21:3
4
Isityilo sika‐Johane 21:6
Waza watsho kum ukuti: Kwenzekile. Mna ndingu‐Alefa no‐Omega, isiqalo nesipelo. Lowo onxanwayo ndompa mna kuwo umtombo wamanzi obomi ngesisa.
Phonononga Isityilo sika‐Johane 21:6
5
Isityilo sika‐Johane 21:7
Owoyisayo wolidla ilifa lento zonke; ndandiya kuba NGUTIXO wake, naye yena woba ngunyana wam.
Phonononga Isityilo sika‐Johane 21:7
6
Isityilo sika‐Johane 21:8
Kodwa abanobugwala, nabangakolwayo, nabatiyekileyo, nababulali, nabapimisi, nabatakati, nabakonzi bezitixo, nawo onke amaxoki, bona boba nesabiwo sabo ecibini elivutayo ngomlilo nangesufure; okukuko okwesibini ukufa.
Phonononga Isityilo sika‐Johane 21:8
7
Isityilo sika‐Johane 21:1
NDAZA ndabona izulu elitsha nomhlaba omtsha; ngokuba elokuqala izulu nowokuqala umhlaba ubudlulile; nolwandle aluseko.
Phonononga Isityilo sika‐Johane 21:1
8
Isityilo sika‐Johane 21:2
Ndaza mna Johane ndasibona isixeko esiyingcwele, i‐Yerusaleme entsha, sisihla KUTIXO sivela ezulwini, silungisiwe njengomtshakazi ehonjelwe indoda yake.
Phonononga Isityilo sika‐Johane 21:2
9
Isityilo sika‐Johane 21:23-24
Kanjako isixeko eso asifuni ilanga, kwa nenyanga, ukuze zikanye pakati kwaso: ngokuba ubungcwalisa BUKATIXO bebusikanyisa, nayo IMVANA isisibane saso. Zaye intlanga zabasindiswayo ziya kuhamba ekukanyeni kwaso; nokumkani bomhlaba bayazisela kuso ubungcwalisa babo nodumo lwabo.
Phonononga Isityilo sika‐Johane 21:23-24
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo