1
Amaculo 91:2
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Sendiya kuti NGOYEHOVA: Yindawo yam yokupepela, nenqaba yam; NGUTIXO wam; ndiya kutembela kuye.
Thelekisa
Phonononga Amaculo 91:2
2
Amaculo 91:1
OMIYO emfihlelweni yopezu kwonke, uya kuhlala emtunzini wonamandla onke.
Phonononga Amaculo 91:1
3
Amaculo 91:15
Uya kubiza kum, ndimpendule ke; ndoba naye ebunzimeni; ndomkulula, ndimnike udumo.
Phonononga Amaculo 91:15
4
Amaculo 91:11
Ngokuba eya kuyalela ingelosi zake ngawe, ukuba zikugcine ezindleleni zako zonke.
Phonononga Amaculo 91:11
5
Amaculo 91:4
Wokugubungela ngentsiba zake, nangapantsi kwamapiko ake uya kutemba: inyaniso yake ilikaka, nekakana.
Phonononga Amaculo 91:4
6
Amaculo 91:9-10
Ngenxa yokuba UYEHOVA, indawo yam yokupepela, lo upezu kwonke, umenzile ikaya lako, akuyi kuhlelwa bububi, nesibulalo asiyi kusondela endlwini yako.
Phonononga Amaculo 91:9-10
7
Amaculo 91:3
Ngenyaniso wokuhlangula esigwini somtiyeli wentaka, nasesifeni esibubisayo kakulu.
Phonononga Amaculo 91:3
8
Amaculo 91:7
Kwowa iwaka ecaleni lako, neshumi lamawaka ngesokunene sako; kuloko kungayi kusondela kuwe.
Phonononga Amaculo 91:7
9
Amaculo 91:5-6
Akuyi kwoyika isituso sasebusuku, notolo olubalekayo emini, nesifo esibu̔bisayo esihambayo ebumnyameni, nesitshabalaliso esitshabalalisayo emini enkulu.
Phonononga Amaculo 91:5-6
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo