1
Amaculo 18:2
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
UYEHOVA uliliwa lam, nenqaba yam, nomkululi wam; UTIXO wam, ilityekazi lam; ndiya kutembela kuye: ikaka lam, nopondo lwosindiswa lwam, nenyango yam.
Thelekisa
Phonononga Amaculo 18:2
2
Amaculo 18:30
UTIXO indlela yake ifezekile ukulunga; ilizwi LIKAYEHOVA licocekile: ulikaka yena kubo bonke abatembela kuye.
Phonononga Amaculo 18:30
3
Amaculo 18:3
Ndobiza KUYEHOVA, odumisekayo; ndandiya kusindiswa ezintshabeni zam.
Phonononga Amaculo 18:3
4
Amaculo 18:6
Ebunzimeni bam ndabiza KUYEHOVA, ndakala KUTIXO wam: weva ilizwi lam esetempileni yake; nokukala kwam ebusweni bake kweza ezindlebeni zake.
Phonononga Amaculo 18:6
5
Amaculo 18:28
Ngokuba wena ubaneka isibane sam: UYEHOVA, UTIXO wam, uyakanyisa ubumnyama bam.
Phonononga Amaculo 18:28
6
Amaculo 18:32
NGUTIXO ondibinqayo ngamandla; owenza nendlela yam ilungiseke.
Phonononga Amaculo 18:32
7
Amaculo 18:46
UYEHOVA uhleli; malibongwe ilityekazi lam; makadunyiswe UTIXO wosindiswa lwam.
Phonononga Amaculo 18:46
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo