1
U‐Yoshuwa 10:13
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Laza lenqumama ilanga, yahlala nenyanga, bada abantu bazipindezelela kwintshaba zabo. Akuba̔lwanga na oku encwadini ka‐Yashere? Kwa njalo ilanga lati nqumama ngasekuhlanganeni kwezulu, linganxamanga ukutshona nje wanga ngumhla upela.
Thelekisa
Phonononga U‐Yoshuwa 10:13
2
U‐Yoshuwa 10:12
Oko wateta u‐Yoshuwa KUYEHOVA, ngomhla UYEHOVA wabanikela aba‐Amori ebusweni bosapo luka‐Sirayeli, wati pambi kwamehlo abo o‐Sirayeli: Langa, uti nqumama pezu kwe‐Gibeyone; nawe, nyanga, pezu kwomhlambo wase‐Ajalone!
Phonononga U‐Yoshuwa 10:12
3
U‐Yoshuwa 10:14
Awabiko onjengawo umhla lowo, napambi kwawo nasemva kwawo, ukuba wapulapula UYEHOVA ilizwi lomntu: ngokuba UYEHOVA ebelwela o‐Sirayeli.
Phonononga U‐Yoshuwa 10:14
4
U‐Yoshuwa 10:8
Wayesiti UYEHOVA ku‐Yoshuwa: Ungaboyiki, ngokuba ndibanikile esandleni sako; akuyi kuma namnye kubo pambi kwako.
Phonononga U‐Yoshuwa 10:8
5
U‐Yoshuwa 10:25
Waye u‐Yoshuwa esiti kubo: Ningoyiki, ningatuswa nokutuswa; yomelelani, nikalipe: ngokuba kungokunjalo aya kwenza UYEHOVA kuzo zonke intshaba zenu, eniya kulwa nazo.
Phonononga U‐Yoshuwa 10:25
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo