Kekaloku abahlobo abatatu baka‐Jobi beva bonke obububi abehlelwe bubo, bavela abanye ngabanye ezindaweni zabo, — u‐Elifazi um‐Temani, no‐Biledadi um‐Shuha, no‐Tsofare um‐Nahama; ngokuba bebevumelene ukuza kumku̔za nokumtutuzela. Bati bakupakamisa amehlo abo bekude, abamazi; baza bapakamisa ilizwi labo, balila; basuka baṙazula abanye ngabanye ingubo zabo, batshiza utuli pezu kwentloko zabo ngasezulwini. Bahlala pantsi ke ndawonye naye emhlabeni imini zasixe̔nxe nobusuku basixe̔nxe, kungeko namnye owateta ilizwi kuye; ngokuba bebebona ubuhlungu bake ukuba bukulu kakulu.