1
I‐Genesise 45:5
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Kodwa kaloku maningadandateki, makungaqumbiseki emehlweni enu kanjako, ukuba nibe ninditengisela apa: ngokuba UTIXO enditumile pambi kwenu, ndize kulondoloza ubomi.
Thelekisa
Phonononga I‐Genesise 45:5
2
I‐Genesise 45:8
Ngako kaloku asi nini abanditumileyo ukuza apa, koko NGUTIXO; owayendenzile uyise ku‐Faro, nenkosi pezu kwayo yonke indlu yake, nompati kulo lonke ilizwe le‐Jipete.
Phonononga I‐Genesise 45:8
3
I‐Genesise 45:7
Waye UTIXO wandituma pambi kwenu, ukuba ndinigcinele isisalela emhlabeni, nokuba ndilondoloze ubomi benu ngosindiso olukulu.
Phonononga I‐Genesise 45:7
4
I‐Genesise 45:4
Waza u‐Josefe wati kubakuluwe bake: Kanisondele kum. Basondela ke. Waza wati: Mna ndingu‐Josefe, umninawe wenu, enanimtengisele e‐Jipete.
Phonononga I‐Genesise 45:4
5
I‐Genesise 45:6
Ngokuba ngoku isel’ iyiminyaka mibini indlala ipakati kwelizwe; kanjalo iseko iminyaka mihlanu ekungayi kubako kulima nokuvuna ngayo.
Phonononga I‐Genesise 45:6
6
I‐Genesise 45:3
Waza u‐Josefe wati kubakuluwe bake: Mna ndingu‐Josefe; ubawo usahleli na? Koko abakuluwe bake bebekohlwa kukumpendula; ngokuba bebetuswa ebusweni bake.
Phonononga I‐Genesise 45:3
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo