1
I‐Genesise 22:14
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Waza u‐Abrahame wabiza igama lalondawo ngokuti: UYEHOVA uya kubona! njengokuba kusitwa nanamhla: Entabeni KAYEHOVA kuya kubonwa!
Thelekisa
Phonononga I‐Genesise 22:14
2
I‐Genesise 22:2
Wayesiti: Zutabate unyana wako, ukupela kwonyana wako, omtandayo, u‐Yisake, usuke uye elizweni le‐Moriya, umnikele kona abe lidini lokutshiswa, pezu kwenye yentaba endiya kukutyela yona.
Phonononga I‐Genesise 22:2
3
I‐Genesise 22:12
Yayisiti: Ungoluli isandla sako pezu kwomfana, ungenzi nto kuye kanjalo; ngokuba kaloku ndisazi ukuba uyamoyika UTIXO, ungabambanga nje unyana wako, ukupela kwonyana wako, kum.
Phonononga I‐Genesise 22:12
4
I‐Genesise 22:8
Wati u‐Abrahame: UTIXO wozibonela itakane lokwenza idini lokutshiswa, nyana wam! Baza bahamba bobabini kunye.
Phonononga I‐Genesise 22:8
5
I‐Genesise 22:17-18
ndiya kugqitisa ukukutamsanqela, ndikolise ukuyandisa nenzalo yako, njengenkwenkwezi zezulu, nanjengentlabati eselunxwemeni lwolwandle: yaiya kufuya inzalo yako isango lentshaba zayo; kanjalo zoba netamsanqa ngenzalo yako zonke izizwe zomhlaba; ngenxa yokuba ulivile ilizwi lam.
Phonononga I‐Genesise 22:17-18
6
I‐Genesise 22:1
KWAYE kute emveni kwezizinto, UTIXO walinga u‐Abrahame, wati kuye: Abrahame! Wati yena: Nanku, ndilapa.
Phonononga I‐Genesise 22:1
7
I‐Genesise 22:11
Yandula ukummemeza ingelosi KAYEHOVA isezulwini, yati: Abrahame, Abrahame! Wati yena: Nanku, ndilapa.
Phonononga I‐Genesise 22:11
8
I‐Genesise 22:15-16
Yandula ingelosi KAYEHOVA yamemeza u‐Abrahame ngokwesibini isezulwini, yati: Ndizifungile, utsho UYEHOVA, ngokokuba uyenzile lento, nokuba ungabambanga unyana wako, ukupela kwonyana wako
Phonononga I‐Genesise 22:15-16
9
I‐Genesise 22:9
Bada bafika kulondawo ubemtyele yona UTIXO; wayesaka kona u‐Abrahame isibingelo, wacwangcisa inkuni, wanxiba u‐Yisake unyana wake, wambeka esibingelweni pezu kwenkuni.
Phonononga I‐Genesise 22:9
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo