Ndaza ndakangela; kekaloku nalu uquta luvela enode, ilifu elikulu, nomlilo uzibambela, nenkazimlo ilingqonga, napakati kwawo njengobubengebenge bekashemali, pakati kwomlilo. Napakati kwawo kwavela ukufana kwezidalwa ezipilileyo ezine; kuko oku ukubonakala kwazo: zibe zinokufana kwomntu. Kwaye kuko ubuso bune kwezinye ngezinye, namapiko emane kuzo zonke ngezinye. Nenyawo zazo zazizinyawo ezite ntse; nomzantsi wenyawo zazo wona ubunjengawo umzantsi wonyawo lwetole; zaye zibengezela njengobubengebenge bexina egudisiweyo. Zanezandla zomntu ngapantsi kwamapiko azo, ngasemacaleni azo omane; zazibe zinobuso bazo namapiko azo zona zone. Amapiko azo abebandakanyiwe elinye nelinye; bezingajiki ekuhambeni kwazo; zahamba ezinye ngezinye ngokuti ngqo.