AMAZWI ka‐Hamose, obepakati kwabalusi base‐Tekoha, lawo wawabonayo ngo‐Sirayeli, emihleni ka‐Huziya, ukumkani wo‐Juda, nasemihleni ka‐Jerobome, unyana ka‐Yohashe, ukumkani wo‐Sirayeli, iminyaka mibini singekabiko isingcangcazelo somhlaba.
Wayesiti: UYEHOVA uya kugquma e‐Ziyone, aku̔pe ilizwi lake e‐Yerusaleme; amaṙiwa abalusi aya kulila, nengcopo ye‐Karamele yobuna.