UAMOSI 1:1-2
UAMOSI 1:1-2 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Amazwi ka-Amosi, obengowakubo abalusi baseTekowa, awawabonayo ngokusingisele kwaSirayeli, ngemihla kaUziya ukumkani wakwaYuda, ngemihla kaYarobheham unyana kaYowashe, ukumkani wakwaSirayeli, iminyaka emibini phambi konyikimo. Wathi: UYehova uyabharhula eZiyon, akhuphe ilizwi lakhe eYerusalem, amakriwa abalusi enzè isijwili, incopho yeKarmele yomè.
UAMOSI 1:1-2 IBHAYIBHILE (XHO96)
La ngamazwi ka-Amos, owayengomnye wabafuyi baseTekowa, abhekiselele koko wakubonayo ngokuphathelele kumaSirayeli, ngexesha u-Uziya wayengukumkani kwaJuda, yena uJerobhowam unyana kaJowashe engukumkani kwaSirayeli, iminyaka emibini phambi kwenyikima. Wathetha wenjenje uAmos
UAMOSI 1:1-2 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Amazwi ka-Amosi, omnye wabalusi baseTekowa, awawabonayo kuSirayeli, ngemihla ka-Uziya ukumkani wakwaYuda, nangemihla kaYarobheham unyana kaYowashe, ukumkani wakwaSirayeli, iminyaka emibini phambi konyikimo. Kwaye wathi: iNkosi iya kugquma iseZiyon kwaye iphakamise ilizwi layo eYerusalem; namadlelo abalusi aya kuba lusizi, nenduli yeKarmele ibe lusizi.
UAMOSI 1:1-2 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
AMAZWI ka‐Hamose, obepakati kwabalusi base‐Tekoha, lawo wawabonayo ngo‐Sirayeli, emihleni ka‐Huziya, ukumkani wo‐Juda, nasemihleni ka‐Jerobome, unyana ka‐Yohashe, ukumkani wo‐Sirayeli, iminyaka mibini singekabiko isingcangcazelo somhlaba. Wayesiti: UYEHOVA uya kugquma e‐Ziyone, aku̔pe ilizwi lake e‐Yerusaleme; amaṙiwa abalusi aya kulila, nengcopo ye‐Karamele yobuna.