1
UMARKO 1:35
IBHAYIBHILE
Kwathi kusesekuseni kakhulu, kusemnyama, wavuka uYesu, waya kuthandaza ngasese.
Thelekisa
Phonononga UMARKO 1:35
2
UMARKO 1:15
esithi: “Lifikile ngoku ixesha. Luthwasile ulawulo lukaThixo. Guqukani, nikholwe kuzo ezi ndaba zimnandi.”
Phonononga UMARKO 1:15
3
UMARKO 1:10-11
Kuthe kwangoko, akuphuma uYesu emanzini, izulu lavuleka, wabona uMoya oyiNgcwele esihla phezu kwakhe njengehobe. Kwavakala nelizwi elivela ezulwini, lisithi: “UnguNyana wam endimthandayo wena; ndikholisiwe nguwe.”
Phonononga UMARKO 1:10-11
4
UMARKO 1:8
Mna okunene ndinibhaptiza ngamanzi, kodwa yena uya kunibhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.”
Phonononga UMARKO 1:8
5
UMARKO 1:17-18
UYesu wathi kubo: “Yizani apha nindilandele; ndonenza nibe ngabalobi babantu.” Bayishiya kwangoko ke iminatha yabo, bamlandela.
Phonononga UMARKO 1:17-18
6
UMARKO 1:22
Bamangaliswa abantu kukufundisa kwakhe, kuba wayefundisa ngegunya, engafundisi njengabachazi-mthetho.
Phonononga UMARKO 1:22
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo