UMARKO 1:10-11
UMARKO 1:10-11 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Uthe kwaoko, akuba enyuka ephuma emanzini, walibona izulu likrazulwe, noMoya enjengehobe, esihla phezu kwakhe. Kwabakho nezwi eliphuma ezulwini, lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye.
UMARKO 1:10-11 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kuthe kwangoko, akuphuma uYesu emanzini, izulu lavuleka, wabona uMoya oyiNgcwele esihla phezu kwakhe njengehobe. Kwavakala nelizwi elivela ezulwini, lisithi: “UnguNyana wam endimthandayo wena; ndikholisiwe nguwe.”
UMARKO 1:10-11 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Uthe kwaoko, akuba enyuka ephuma emanzini, walibona izulu livulekile, noMoya enjengehobe, esihla phezu kwakhe. Kwabakho nezwi eliphuma ezulwini, lisithi, Wena unguNyana wam oyintanda, endikholisiweyo nguye.
UMARKO 1:10-11 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza wati esel’ enyuka emanzini, wabona izulu licandekile, NOMOYA njengehobe esihla pezu kwake. Kanjalo leza ilizwi livela ezulwini, lisiti: Wena ungunyana wam otandiweyo, endikolisiweyo kakuhle nguye.