1
UMATEWU 27:46
IBHAYIBHILE
Malunga nentsimbi yesithathu uYesu wakhala ngezwi elikhulu, esithi: “Eli, Eli, lama sabhaktani?” (Oko kukuthi: “Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?”)
Thelekisa
Phonononga UMATEWU 27:46
2
UMATEWU 27:51-52
Lasuka ke lakrazuka kubini ikhuselo legumbi elingcwele *endlwini kaThixo ukususela phezulu kuye ezantsi; umhlaba wanyikima, namawa acandeka, namangcwaba avuleka, bathi nabantu abaninzi bakaThixo ababefile bavuka
Phonononga UMATEWU 27:51-52
3
UMATEWU 27:50
UYesu ke wakhala kwakhona ngezwi elikhulu, wawunikela umphefumlo wakhe.
Phonononga UMATEWU 27:50
4
UMATEWU 27:54
Umphathi-butho wamajoni, namajoni awayegade uYesu kunye naye, bathi bakubona ukunyikima komhlaba nokunye okwenzekayo, boyika kakhulu, besithi: “Inene, lo mntu ebenguNyana kaThixo.”
Phonononga UMATEWU 27:54
5
UMATEWU 27:45
Kuthe ke, ukususela kwintsimbi yeshumi elinambini emini, kwehla ubumnyama phezu kwawo wonke umhlaba, kwada kwayintsimbi yesithathu emva kwemini.
Phonononga UMATEWU 27:45
6
UMATEWU 27:22-23
UPilato wathi kuso: “Ndimenze ntoni na ke uYesu ekuthiwa nguKrestu?” Isihlwele sonke sathi: “Makabethelelwe emnqamlezweni!” Kodwa yena wathi: “Ngenxa yokuba enze bubi buni na?” Kodwa kwaba kokukhona isihlwele sidanduluka ngakumbi sisithi: “Makabethelelwe emnqamlezweni!”
Phonononga UMATEWU 27:22-23
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo