1
UYOSHUWA 6:2
IBHAYIBHILE
*UNdikhoyo wathi kuYoshuwa: “IJeriko ndiyinikela kuwe, kunye nokumkani wayo, kwakunye namagorha ayo.
Thelekisa
Phonononga UYOSHUWA 6:2
2
UYOSHUWA 6:5
Kuya kuthi ke xa bevuthela isandi eside ababingeleli, nihlabe umkhosi, nimemeze, zidilike iindonga zeJeriko. Wandule ke ukungena macal' onke ngaphakathi kwesixeko wonke umkhosi.”
Phonononga UYOSHUWA 6:5
3
UYOSHUWA 6:3
Wena ke kunye nomkhosi wakho kufuneka niyijikeleze kanye ngemini iintsuku zibe ntandathu.
Phonononga UYOSHUWA 6:3
4
UYOSHUWA 6:4
Kufuneka ababingeleli babe sixhenxe, elowo ephethe isigodlo, bahambe ngaphambi kwetyesi yomnqophiso. Ngosuku lwesixhenxe kufuneka wena nomkhosi wakho nisijikeleze kasixhenxe isixeko, ababingeleli bona bavuthele izigodlo.
Phonononga UYOSHUWA 6:4
5
UYOSHUWA 6:1
Amasango eJeriko ayevalwe mba ukuze amaSirayeli angabi nako ukungena. Kwakungekho mntu uphumayo nongenayo kweso sixeko.
Phonononga UYOSHUWA 6:1
6
UYOSHUWA 6:16
Ngesihlandlo sesixhenxe, xa ababingeleli babevuthela izigodlo, uYoshuwa wathi kumadoda akhe: “Ze nihlabe umkhosi, nimemeze, kuba uNdikhoyo usinikile esi sixeko!
Phonononga UYOSHUWA 6:16
7
UYOSHUWA 6:17
Isixeko, nayo yonke into ekuso, kufuneka zitshatyalaliswe mpela, zibe ngumnikelo kuNdikhoyo ngomlilo. NguRahabhi ihenyukazi yedwa kunye nabantu bakowabo amabasindiswe, kuba yena wazifihla iintlola zethu.
Phonononga UYOSHUWA 6:17
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo