Ngamandla akhe uThixo uyazishenxisa izihandiba;
ewe, uThixo uthi akusebenzisa amandla akhe zitsho ziphelelwe lithemba lokudla ubomi.
UThixo noba angaziyeka zihlale zithe zava,
kodwa usoloko ezijongile ukusuka nokuhlala kwazo.
Abantu abakhohlakeleyo bahluma babe nenkqubela okwexeshana,
kodwa yonke loo nto iphela ngokukhawuleza;
bayadaka bafe njengamntu wonke,
bayabuna oku kwesikhwebu sengqolowa esivuniweyo.