1
UYOHANE 3:16
IBHAYIBHILE
Kaloku uThixo ihlabathi ulithande kangangokuba ude wancama uNyana okuphela kwakhe, ukuze wonke umntu ozinikele kuye ngokupheleleyo angatshabalali, koko abe nobona bomi bungenasiphelo.
Thelekisa
Phonononga UYOHANE 3:16
2
UYOHANE 3:17
Kuba kaloku uThixo akamthumanga uNyana wakhe ehlabathini ukuze aligwebe, koko wamthuma ukuze abe nguMsindisi walo.
Phonononga UYOHANE 3:17
3
UYOHANE 3:3
UYesu waphendula wathi kuye: “Ndithi kuwe, inene, akukho namnye unokuxhamla ukulawulwa nguThixo, engathanga azalwe ngokutsha.”
Phonononga UYOHANE 3:3
4
UYOHANE 3:18
“Lowo uzinikelayo kuNyana kaThixo akagwetywa; kodwa lowo ungazinikeliyo selegwetyiwe, kuba engakholwa kuNyana kaThixo okuphela kwakhe.
Phonononga UYOHANE 3:18
5
UYOHANE 3:19
Imbangi yesi sigwebo nantsi: Ukukhanya kufikile ehlabathini, baza abantu bathanda ubumnyama ngaphezu kokukhanya, kuba izenzo zabo zikhohlakele.
Phonononga UYOHANE 3:19
6
UYOHANE 3:30
Makabaluleke yena, ndinciphe mna.”
Phonononga UYOHANE 3:30
7
UYOHANE 3:20
Kakade wonke umenzi wenkohlakalo ukuthiyile ukukhanya. Akasondeli nokusondela ekukhanyeni, hleze izenzo zakhe zivele.
Phonononga UYOHANE 3:20
8
UYOHANE 3:36
Othe wakholwa kuNyana, unobomi obungonaphakade. Othe akamthobela uNyana, akayi kubona bomi; ingqumbo kaThixo ihlala ihleli phezu kwakhe.”
Phonononga UYOHANE 3:36
9
UYOHANE 3:14
“Njengokuba uMosis wayiphakamisayo inyoka entlango, umelwe kukuphakanyiswa kwangokunjalo naye uNyana woLuntu
Phonononga UYOHANE 3:14
10
UYOHANE 3:35
UYise uyamthanda uNyana; zonke izinto uzinikele esandleni sakhe.
Phonononga UYOHANE 3:35
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo