Ndiba ngawuvula umlomo ndidanduluka ndithi: “Lugonyamelo! Yingcinezelo!”
Ngoko ke ilizwi likaNdikhoyo lindizisela izithuko nezinyeliso yonk' imihla.
Ndiba ngathi: “Andiyi kubuya ndilikhankanye, okanye ndithethe ngegama lakhe,”
lisuka libe ngumlilo otshisayo,
umlilo ovalelwe emathanjeni am.
Ndoyisakele kukuwunqanda;
ewe, ndiyanikezela.