1
EYEZIQALO 32:28
IBHAYIBHILE
Uthe ke loo mntu: “Akusokubuya kuthiwe unguYakobi, kuba kaloku wena ujijisene noThixo kwakunye nabantu, waphumelela. Ngoko ke kuya kuthiwa unguSirayeli igama lakho. ”
Thelekisa
Phonononga EYEZIQALO 32:28
2
EYEZIQALO 32:26
Watsho esithi: “Ndiyeke ndihambe, kuyasa.” UYakobi wathi: “Andisobe ndikuyeke, de undithamsanqelise.”
Phonononga EYEZIQALO 32:26
3
EYEZIQALO 32:24
kodwa yena wasala ngasemva. Kwafika umntu, wajijisana naye kwada kwasekuzeni kokusa.
Phonononga EYEZIQALO 32:24
4
EYEZIQALO 32:30
UYakobi wathi: “UThixo ndimbonile ubuso ngobuso, ndibe naku ndisaphila.” Wathi ke loo ndawo yiPeniyeli.
Phonononga EYEZIQALO 32:30
5
EYEZIQALO 32:25
Wathi loo mntu akubona ukuba akamngquli uYakobi, wamchukumisa enyongeni, yatsho yagungxuka endaweni yayo.
Phonononga EYEZIQALO 32:25
6
EYEZIQALO 32:27
“Ungubani igama lakho?” ubuzile loo mntu. “NdinguYakobi,” uphendule watsho yena.
Phonononga EYEZIQALO 32:27
7
EYEZIQALO 32:29
Uthe yena uYakobi: “Nawe ndixelele elakho igama.” Uthe loo mfo: “Uza kulenzani igama lam?” Watsho esikelela uYakobi.
Phonononga EYEZIQALO 32:29
8
EYEZIQALO 32:10
Ububele ondenzele bona, nokunyaniseka kwakho, akundifanele, Nkosi. Ndayiwela iJordan ndingenanto, ndiphethe umsimelelo kuphela. Ngoku ndibuya ndihamba nala maqela mabini.
Phonononga EYEZIQALO 32:10
9
EYEZIQALO 32:32
AmaSirayeli akawutyi umsipha kasikrotyana unanamhlanje, kuba kaloku wachukunyiswa kuloo ndawo uYakobi.
Phonononga EYEZIQALO 32:32
10
EYEZIQALO 32:9
Uye wathandaza emva koko uYakobi esithi: “Thixo kabawo-mkhulu uAbraham, Thixo kabawo wam uIsake, ndive. Nguwe, *Ndikhoyo, othe mandibuyele ezweni lakowethu naphakathi kwezizalwana zam. Watsho usithi uya kuyenza mhlophe indlela yam, konke kulunge.
Phonononga EYEZIQALO 32:9
11
EYEZIQALO 32:11
Ndihlangule ke kumntakwethu uEsawu, ndiyakubongoza. Ndinoloyiko hleze asihlasele asitshabalalise sonke, umntwana nonina.
Phonononga EYEZIQALO 32:11
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo