1
EYEZIQALO 26:3
IBHAYIBHILE
Uze uhlale apha; ndoba nawe, ndikuthamsanqelise. Lo wona umhlaba uza kuwuma nenzala yakho. Isifungo endasenza kuyihlo ndiza kusifezekisa.
Thelekisa
Phonononga EYEZIQALO 26:3
2
EYEZIQALO 26:4-5
Inzala yakho iza kuba ngangeenkwenkwezi ezisesibhaka-bhakeni, ndiyinike wonke lo mhlaba. Zonke iintlanga ziya kuthamsanqeliswa ngenzala yakho. Ndiza kukuthamsanqelisa, kuba uyihlo uAbraham wandithobela, wahamba ngokwemithetho nemiyalelo yam.”
Phonononga EYEZIQALO 26:4-5
3
EYEZIQALO 26:22
Wemka apho, wemba omnye umthombo kwenye indawo ephangaleleyo. Akubangakho mbambano ngalowo, uthe ke ukuwubiza nguPhangalele. Wathi: “Ngoku uNdikhoyo usinike indawo ephangaleleyo. Siza kuba nenkqubela apha.”
Phonononga EYEZIQALO 26:22
4
EYEZIQALO 26:2
*UNdikhoyo wavela ephupheni kuIsake esithi: “Uze ungayi eJiputa; yima kumhlaba endithi hlala kuwo.
Phonononga EYEZIQALO 26:2
5
EYEZIQALO 26:25
Wenza iqonga lamadini kuloo ndawo uIsake, wanqula uNdikhoyo khona. Wemisa umzi apho, wemba omnye umthombo.
Phonononga EYEZIQALO 26:25
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo