1
2 YOOKUMKANI 6:17
IBHAYIBHILE
UElisha wathandaza wathi: “Ndikhoyo, khawuwavule amehlo akhe, ukuze abone.” UNdikhoyo ke wawavula amehlo esicaka eso, saza sathi sakukhangela sabona intaba inyakazela ngamahashe neenqwelo zomlilo, ziphahle uElisha.
Thelekisa
Phonononga 2 YOOKUMKANI 6:17
2
2 YOOKUMKANI 6:16
Ke yena umshumayeli wathi: “Hayi, musa ukoyika! Aba bangakuthi baninzi kunabo bangakubo.”
Phonononga 2 YOOKUMKANI 6:16
3
2 YOOKUMKANI 6:15
Sithe ke sakuvuka isicaka somfo wakwaThixo, ekuseni ngentsasa elandelayo, sabona kuthe thinte umkhosi, ingamahashe neenqwelo, isixeko usingqingile. Isicaka sathi kuye: “Yaz'ba siya kuthini na, nkosi yam?”
Phonononga 2 YOOKUMKANI 6:15
4
2 YOOKUMKANI 6:18
Luthe xa luhlayo utshaba olo lusiza ngakuElisha, suka yena wathandaza kuNdikhoyo wathi: “Khawubethe aba bantu ngobumfama.” UNdikhoyo ke wabatsho baziimfama ngokwesicelo sikaElisha.
Phonononga 2 YOOKUMKANI 6:18
5
2 YOOKUMKANI 6:6
Wabuza wathi umfo wakwaThixo: “Liwe phi?” Akuba ebonisiwe ke uElisha wagawula ukhuni, waza waluphosa kuloo ndawo lalitshone kuyo izembe. Ke izembe elo latsho lavela ladada.
Phonononga 2 YOOKUMKANI 6:6
6
2 YOOKUMKANI 6:5
Omnye wabo uthe esagawula umthi, suka lapoqa izembe lakhe, le ndawo iyintsimbi yatshona emanzini. Wakhala watsho ebhekisa kuElisha: “Awu, ibingelilo nelam, belibolekiwe!”
Phonononga 2 YOOKUMKANI 6:5
7
2 YOOKUMKANI 6:7
Wathetha wathi: “Likhuphe.” Waza ke umnini walo wasolula isandla, walirhola.
Phonononga 2 YOOKUMKANI 6:7
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo